1. Uqhayisela ntoni ngobubi, gorhandini,usithi inceba kaThixo iphezu kwakho?
2. Usoloko uzungula ukutshabalalisa.Ulwimi lwakho alubukhali, yintshengeca!Uhlala uyila ubutshijolo.
3. Uthanda okubi kunokulungileyo;uthe phithi bubuxoki endaweni yenyaniso.
4. Hayi ke bethu umntu onolwini!Uyakuthanda ukuphixanisa.
5. Ke yena uThixo uya kukudiliza kuthi tu;uya kukuthi xhakamfu, akukhuphe endlwini yakho;uya kukuncothula umke ezweni labaphilayo.
6. Akuyibona le nto amalungisa omangaliswa ahlekise athi:
7. “Nanko ke umntu ongazange akholose ngoThixo,owasuka wakholosa ngobutyebi,waphumelela ngobutshijolo!”
8. Ke mna ndinjengomnquma oyokoyoko;ndihlala phakathi endlwini kaThixo.Ndihlala ndikholose ngezibele zothando lukaThixo;kuya kude kube ngunaphakade.
9. Ngenxa yesi senzo sakho, Thixo, ndiya kukudumisa njalo-njalo.Ndithembele kuwe kuba ulungile.Ewe, ndiya kukubhengeza phakathi kwâbo bakuthandayo.