kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34
  35. 35
  36. 36
  37. 37
  38. 38
  39. 39
  40. 40
  41. 41
  42. 42
  43. 43
  44. 44
  45. 45
  46. 46
  47. 47
  48. 48
  49. 49
  50. 50
  51. 51
  52. 52
  53. 53
  54. 54
  55. 55
  56. 56
  57. 57
  58. 58
  59. 59
  60. 60
  61. 61
  62. 62
  63. 63
  64. 64
  65. 65
  66. 66
  67. 67
  68. 68
  69. 69
  70. 70
  71. 71
  72. 72
  73. 73
  74. 74
  75. 75
  76. 76
  77. 77
  78. 78
  79. 79
  80. 80
  81. 81
  82. 82
  83. 83
  84. 84
  85. 85
  86. 86
  87. 87
  88. 88
  89. 89
  90. 90
  91. 91
  92. 92
  93. 93
  94. 94
  95. 95
  96. 96
  97. 97
  98. 98
  99. 99
  100. 100
  101. 101
  102. 102
  103. 103
  104. 104
  105. 105
  106. 106
  107. 107
  108. 108
  109. 109
  110. 110
  111. 111
  112. 112
  113. 113
  114. 114
  115. 115
  116. 116
  117. 117
  118. 118
  119. 119
  120. 120
  121. 121
  122. 122
  123. 123
  124. 124
  125. 125
  126. 126
  127. 127
  128. 128
  129. 129
  130. 130
  131. 131
  132. 132
  133. 133
  134. 134
  135. 135
  136. 136
  137. 137
  138. 138
  139. 139
  140. 140
  141. 141
  142. 142
  143. 143
  144. 144
  145. 145
  146. 146
  147. 147
  148. 148
  149. 149
  150. 150

Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 104 Ibhayibhile (XHO96)

Ukubonga uMdali

1. Mbonge *uNdikhoyo, moya wam!Ubungangalala bakho, Ndikhoyo, Thixo wam, buyamangalisa!Uzithe wambu ngesihomo nesithozela;

2. ulowambath' ukukhanya, kwanga yingubo;ulotwabulul' isibhakabhaka, wanga wanek' intente;

3. ulomis' iintsika zendlu yakhe emanzini,enze iinqwelo ngamafu,achankcathe phezu kwamaphik' omoya;

4. ulowenz' imimoya izithunywa zakhe,nemiban' elenyay' ibe zizicaka zakhe.

5. Zabekwa nguw' iziseko zomhlabaze zingashuku-shukunyiswa bani.

6. Wawugquma ngenzonzobil' olwandle,wang' uwambes' ingubo,atshw' amanzi azithi gqume iintaba.

7. Uthe wakuwakhalimel' abaleka;zakuvakal' iindudumo zezwi lakho,aphaphathek' elatyuza.

8. Ehl' iintaba neenduli, abhek' ezantsi,apho wawuthe maze aye khona.

9. Kaloku wamis' imid' amanz' angegqithi kuyo,hlez' aphind' awugubungel' umhlaba.

10. Ulogqabhuz' imithombo ezintlanjeni,ibaleke phakathi kweenduli,

11. apho kusel' izilwanyana,nalaph' amaqwarh' athob' unxano.

12. Kulapho zakhela khon' iintaka,zintyiloz' emasebeni emithi.

13. Ulonkcenkceshel' iintaba ngeemvula zaphezulu;uchumil' umhlaba ziintsikelelo zakho.

14. Ulontshulisel' iinkomo ingca,akhulisel' abantu izityalo,kuvel' isivuno sokutya,

15. newayin' echwayitisayo,amafuth' okuthambisa,kunye nesonka sokubondla.

16. Iyifumana kanobom imvula imithi kaNdikhoyo,loo mithi yemisedare awayityala eLebhanon.

17. Iintaka zizakhela kuyw' iindlwana zazo,neengwamza zakhel' emikhobeni.

18. Won' amatshabanqa ahlal' ezingxondorheni,ziz' iimbila zibalekele emaweni.

19. Iinyanga zibalwa ngokufa kwenyanga,nelanga liyalazi ixesha lokutshona kwalo.

20. Ubusuku benziwa nguwe,ukuz' izilwanyana zihamba-hambe.

21. Amathol' eengonyam' ayagragram' ezingela,efuna ukuty' okuvela kuThixo.

22. Ukuphuma kwelanga ziyemka zonk' izilo,ziye kulal' ezikhundleni zazo.

23. Bandul' ukuphum' abantu baphangele,basebenze kude kutshon' ilanga.

24. Hay' ubuninzi bezintw' ozenzileyo, Ndikhoyo!Uzenze ngobulumko xa zizonke;uzel' umhlaba zizintw' ezidalwe nguwe.

25. Phaya esithabazini solwandle kukho inyambalala yezilo;kukho ezikhulu, kukho nezincinane.

26. Kuhamba iinqanawa apho,kanti nomnenga udlwabiza udloba kulo,eso silw' esadalelwa loo nto nguwe.

27. Zonke ezo zinto zijonge kuwe,ukuz' uzondle ngexesh' ekufuneka zitye ngalo.

28. Wakuzipha ziyatya,ze wakuzondla zihluthe.

29. Uthi wakuzifulathela, zoyike, zixhale;wakuwuthatha umphefumlo zife, zibuyele eluthulini.

30. Wakuthumela umoya wakho ziyadalwa,butsho buvuseleleke ubuso bomhlaba.

31. Masime ngonaphakade isihomo nesithozela sakho, Ndikhoyo;wanga ungakonwabisa umsebenzi owenzileyo.

32. Wena uthi ungawujonga nje ube selungcangcazela umhlaba,uzichukumis' iintaba zitsho ziphum' umsi.

33. Ndomombelel' uNdikhoyo lo gama ndisaphilayo,ndimbong' uThixo wam lo gama ndisadl' ubomi.

34. Wanga angavuyiswa ngumbongo wam uNdikhoyo,kuba yena uyandivuyisa.

35. Mababhangisw' aboni ehlabathini;makangabikho konk' amatshijolo.Wena moya wam, mbonge uNdikhoyo;ewe, mbonge uNdikhoyo!