1. Yizani sombelele *uNdikhoyo,simculele sigcobile umkhuseli nomsindisi wethu!
2. Masiye kuye sinombulelo,simombelele iingoma zokubonga.
3. Kaloku uNdikhoyo nguThixo onamandla,ngukumkani omkhulu *kwizithixo zonke.
4. Lisesandleni sakhe ihlabathi liphela;iinzulu neencopho zilawulwa nguye.
5. Ulawula ulwandle kuba walwenza;nomhlaba wawudala ngezandla zakhe.
6. Yizani siqubude simnqule,siguqe phambi koNdikhoyo umdali wethu,
7. kuba yena nguThixo wethu.Thina singumhlambi awalusayo,iigusha ezondliwa nguye.Namhla liveni ilizwi lakhe elithi:
8. “Musan' ukuba neenkani, njengookhokho benu eMeribha,njengemihla yaseMasa entlango,
9. apho bandilingayo,naxa babezibona izinto endandibenzela zona.
10. Iminyaka emashumi mane bandikruqula,ndada ndathi: ‘Hay' ukungeva kwabo;abayithobeli imiyalelo yam.’
11. Ngoko ke ndafunga ngomsindo, ndathi:‘Abasoze bangene ekuphumleni kwam.’ ”