kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34
  35. 35
  36. 36
  37. 37
  38. 38
  39. 39
  40. 40
  41. 41
  42. 42
  43. 43
  44. 44
  45. 45
  46. 46
  47. 47
  48. 48
  49. 49
  50. 50
  51. 51
  52. 52
  53. 53
  54. 54
  55. 55
  56. 56
  57. 57
  58. 58
  59. 59
  60. 60
  61. 61
  62. 62
  63. 63
  64. 64
  65. 65
  66. 66
  67. 67
  68. 68
  69. 69
  70. 70
  71. 71
  72. 72
  73. 73
  74. 74
  75. 75
  76. 76
  77. 77
  78. 78
  79. 79
  80. 80
  81. 81
  82. 82
  83. 83
  84. 84
  85. 85
  86. 86
  87. 87
  88. 88
  89. 89
  90. 90
  91. 91
  92. 92
  93. 93
  94. 94
  95. 95
  96. 96
  97. 97
  98. 98
  99. 99
  100. 100
  101. 101
  102. 102
  103. 103
  104. 104
  105. 105
  106. 106
  107. 107
  108. 108
  109. 109
  110. 110
  111. 111
  112. 112
  113. 113
  114. 114
  115. 115
  116. 116
  117. 117
  118. 118
  119. 119
  120. 120
  121. 121
  122. 122
  123. 123
  124. 124
  125. 125
  126. 126
  127. 127
  128. 128
  129. 129
  130. 130
  131. 131
  132. 132
  133. 133
  134. 134
  135. 135
  136. 136
  137. 137
  138. 138
  139. 139
  140. 140
  141. 141
  142. 142
  143. 143
  144. 144
  145. 145
  146. 146
  147. 147
  148. 148
  149. 149
  150. 150

Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 2 Ibhayibhile (XHO96)

UMthanjiswa kaThixo

1. Ngani na izizwe zisenza imbudumbudu nje?Ngani na abantu besenza amayelenqe azé nje?

2. Ookumkani bemi bume,neziphathamandla zenza amabhungaokuvukela *uNdikhoyo nomthanjiswa wakhe, besithi:

3. “Masiziqhawule ezo mbophelelo zabo,sikhululeke kuloo makhamandela abo.”

4. Lowo ungqendeve esihlalweni sakhe ezulwini uyabahleka;uNdikhoyo usuka abagxwale.

5. Uya kusuka akhalimele ngomsindo,abankwantyise ngengqumbo yakhe, athi:

6. “Ndim lo umisele lo kumkani wam phezu kweZiyon,intaba yam ncakasana.”

7. Ewe, ndivakalisa isibhengezo sikaNdikhoyo esithi:“Ungunyana wam wena; ndikuzele namhlanje.

8. Cela kum, ndikunike iintlanga zibe lilifa lakho,namaphethelo ehlabathi abe ngawakho.

9. Wòzilawula ngegqudu lentsimbi,ùzintlekeze zibe ziingceba oku kwezitya zomdongwe.”

10. Ngoko ke, nina bokumkani, lumkani,nina ziphathamandla zelizwe, yalekani.

11. Mkhonzeni ngembeko uNdikhoyo,nivuye ninokuzoyikela.

12. Khahlelani kuye unyana ngentobeko,hleze aniqumbele nitshabalale endleleni;kaloku umsindo wakhe uyakhawuleza.Hayi uyolo lwabo bonke abazimela ngoNdikhoyo!