1. *Ndikhoyo, ndiyazibika kuwe;ndikhala kuwe ndibindekile.
2. Awu, Nkosi, ndive ndiyakuthandaza,usiphulaphule isikhungo sam.
3. Ukuba ubuzigcina izono zabantu, Ndikhoyo,ngubani obengasindayo?
4. Kambe ke wena uyaxolela,khon' ukuze uhlonitshwe.
5. Ndithembele ngokupheleleyo kuNdikhoyo;ewe, ndikholosa ngelizwi lakhe.
6. Umoya wam ukholosa ngoNdikhoyo ngenzondelelo,ngaphezu komlindi ojonge ukusa,nangaphezu komantshingilane ojong' umsobomvu.
7. Sirayeli, thembela kuNdikhoyo, kuba yena unobubele,futhi yena ukhulula ngokupheleleyo.
8. Ewe, yena uya kumkhulula uSirayelikuzo zonke izono zakhe.