1. Ndiyabhomboloza, ndizibika *kuNdikhoyo;ndiyahlahlamba, ndibhenela kuNdikhoyo.
2. Ndiphokoza isikhalo sam phambi kwakhe;ndimbikela zonke iingxaki zam.
3. Ndakuba ndidakumbile yena uyayazi imeko yam.Iintshaba zindithiyisela endleleni yam.
4. Ndakukhangela ngasekunene, akakho ozidubayo ngam;ayikho indawo yokuzimela,kungekho namntu undikhathaleleyo.
5. Ndibhenela kuwe, Ndikhoyo;kaloku wena uyinqaba yam,nguwe ibango lam kweli lizwe.
6. Sibazele iindlebe isikhalo sam,kuba kaloku ndixhwalekile.Ndihlangule kwabo banditshutshisayo;kaloku bona bomelele kunam.
7. Ndikhulule kula makhamandela,ukuze ndilibonge igama lakho.Amalungisa aya kundiphahla,kuba wena undithamsanqele.