1. Awu, Thixo! Ngani ukuba wenjenje ukusilahla?Awusathothi na umsindo wakho kubantu bakho?
2. Khawulikhumbule ibandla lakho owalifumana mandulo,owalikhululayo ukuze libe lilifa lakho;khumbula ikhaya lakho intaba iZiyon.
3. Khawuye kuloo mabhodlo;iintshaba zabhuqa konke endlwini yakho.
4. Zabharhumla phakathi endaweni engcwele,zaza zamisa eyazo indwe.
5. Ezo zinxosha-nxosha zabhulula konke,ngathi ngabagawuli begec' imithi.
6. Zona izinto ezenziwe ngomthibazintlekeza ngooncelemba nezando.
7. Zayintumek' umlilo indawo engcwele,zayixabhela zayidiliza indlu yakho engcwele.
8. Zathi: “Masibabhangise kuthi tu.”Kulo lonke bazitshisa iindawo zokunqula.
9. Eyakuthi indwe ayisabonakali;akusekho namshumayeli,kungekho waziyo ukuba koda kube nini na.
10. Koda kube nini, Thixo, utshaba lungcikiva?Lohlala lukunyelisa njalo-njalo?
11. Kutheni ukuba ungasincedi?Ngani ukuba usonge izandla?
12. Kambe ke wena, Thixo, waba ngukumkani kwamandulo.Uyabahlangula abantu ehlabathini liphela.
13. Ngaloo mandla walahlula-hlula ulwandle,waziqhekez' intloko iingwenya,
14. wasintlekeza intloko isilo solwandle,sakukutya kwelo libharhileyo.
15. Wena wampompozisa imithombo nemilanjana,waza wayomisa imilambo engatshiyo.
16. Yadalwa nguwe imini, ngokunjalo nobusuku;ivela kuwe inyanga, ngokunjalo nelanga.
17. Yamiswa nguwe imida yehlabathi;ngokukwanjalo ihlobo nobusika.
18. Awu, *Ndikhoyo, khumbula ukuba iintshaba ziyakusinekela;izibhoja ziyalingcikiva igama lakho.
19. Ungabayekeli ezintshabeni abantu bakho;khumbula ngokubandezeleka kwabantu bakho.
20. Khawucinge ngomnqophiso wakho,kuba eli lizwe liphethwe zizibhojazona zigoxa kwamnyama-ndawo.
21. Sukubayekela abacinezelweyo;nawo amahlwempu neentsizana makakudumise.
22. Khawuvuke uhlanganise, Thixo;izibhoja zisoloko zikungcikiva.
23. Sukuyilibala intsholo yotshaba lwakho,umlembelele wengxolo yabakuchasayo.