kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34
  35. 35
  36. 36
  37. 37
  38. 38
  39. 39
  40. 40
  41. 41
  42. 42
  43. 43
  44. 44
  45. 45
  46. 46
  47. 47
  48. 48
  49. 49
  50. 50
  51. 51
  52. 52
  53. 53
  54. 54
  55. 55
  56. 56
  57. 57
  58. 58
  59. 59
  60. 60
  61. 61
  62. 62
  63. 63
  64. 64
  65. 65
  66. 66
  67. 67
  68. 68
  69. 69
  70. 70
  71. 71
  72. 72
  73. 73
  74. 74
  75. 75
  76. 76
  77. 77
  78. 78
  79. 79
  80. 80
  81. 81
  82. 82
  83. 83
  84. 84
  85. 85
  86. 86
  87. 87
  88. 88
  89. 89
  90. 90
  91. 91
  92. 92
  93. 93
  94. 94
  95. 95
  96. 96
  97. 97
  98. 98
  99. 99
  100. 100
  101. 101
  102. 102
  103. 103
  104. 104
  105. 105
  106. 106
  107. 107
  108. 108
  109. 109
  110. 110
  111. 111
  112. 112
  113. 113
  114. 114
  115. 115
  116. 116
  117. 117
  118. 118
  119. 119
  120. 120
  121. 121
  122. 122
  123. 123
  124. 124
  125. 125
  126. 126
  127. 127
  128. 128
  129. 129
  130. 130
  131. 131
  132. 132
  133. 133
  134. 134
  135. 135
  136. 136
  137. 137
  138. 138
  139. 139
  140. 140
  141. 141
  142. 142
  143. 143
  144. 144
  145. 145
  146. 146
  147. 147
  148. 148
  149. 149
  150. 150

Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 69 Ibhayibhile (XHO96)

Ukuzibika

Kumbhexeshi-kwayara; umhobe kaDavide. Uculwa ngathi yilaa ngoma ithi: “Iinyibiba.”

1. Awu, khawundihlangule, Thixo!Ndithe gabhu ngentamo emanzini.

2. Ndiyazika eludakeni olubizelayo,apho kungekho nokuxhathisa.Ndithe dyumpu esizibeni;umsinga uyandintywilisela.

3. Sendikhale zada zoma,kungokunje ndom' umqala;amehlo afiphele kukujong' enkalweni,ndilangazelela wena, Thixo wam.

4. Abo bandithiyileyo ngaphandle kwesizathubagqitha inani leenwele zentloko yam.Zizigantsontso ezifuna ukunditshabalalisa,ezindihlasela ngokundityhola.Ndingathini ukuhlawula ndingebanga nje?

5. Ke wena, Thixo wam, uyasazi isono sam;amatyala am' aselubala kuwe.

6. Awu, *Ndikhoyo, Thixo onamandla onke,mandingabahlazisi abo bakholosa ngawe;abakulangazelelayo mabangangcikivwangenxa yam, Thixo kaSirayeli.

7. Kaloku kungenxa yakho ndinyeliswa nje;ngoku sendintywil' ehlazweni.

8. Sendaba yintlanga kumawethu;ndingumhambi kwiinto zikabawo.

9. Ke kona ukuzondelela indlu yakho kundongamele;izithuko zabakunyelisayo ziphezu kwam.

10. Ndalila ezimathontsi, ndizila ukutya,kodwa naleyo yaba sisingcikivo.

11. Ndithi ndakunxiba ezirhwexayo zokuzilandisuke ndibe ngundaba-mlonyeni.

12. Bancokola ngam ezimbuthweni;sendide ndayingoma yamanxila.

13. Kambe ke, Ndikhoyo, mna ndiyakuthandaza.Ngeli xesha lifanelekileyo, Thixo,nangenxa yendyebo yezibele zothando lwakho,khawuncede undiphendule.Ngenxa yokuthembeka kwakho ndihlangule;naku sendizika eludakeni.

14. Ndisindise ezintshabeni zam;ndikhuphe emanzini anzongonzongo.

15. Ewe, mandingantywiliselwa ngumsinga;mandingarhaxwa kwisiziba esimnyama;mandingaginywa yinzonzobila.

16. Hayi ubuhle bezibele zakho!Ndikhoyo, ndivelele undiphendule;ewe, ngokobuninzi beenceba zakho ndive!

17. Musa ukusifulathela isicaka sakho.Ndibandezelekile; nceda undiphendule.

18. Sondela undisindise;ndikhulule ezintshabeni zam.

19. Uyayazi indlela endingcikivwa ngayo;uyazi ukuba andinto yanto, ndihlazekile;uyazazi zonke iintshaba zam.

20. Izinyeliso ziwaphule umoya wam;kungokunje ndivikivekile.Ndathemba ukukhuzwa, kodwa nya!Nokuthuthuzelwa andakufumana.

21. Ndaweni yokutya ndanikwa ityhefu;endaweni yamanzi yaba yiviniga.

22. Mabenzakaliswe kwakukutya kwabo,amatheko abo abe ngumgibe kubo.

23. Mabamfanyekiswe bangaboni;umzimba wabo mawutyhutyhwe lidumbe.

24. Mabagutyungelwe yingqumbo yakho;mabatshiswe ngumsindo wakho.

25. Mawube linxuwa umzi wabo,makungahlali nabani kuwo,

26. kuba bayamtshutshisa ombethileyo,baphoxise ngaye omenzakalisileyo.

27. Bancine ngesona sohlwayo;mabaphoswe yinceba yakho.

28. Mabacinywe kwincwadi yoludwe lwabaphilayo,mabangadweliswa namalungisa.

29. Kambe ke ndiyajwaqeka yintlungu;ndonyule undisindise, Thixo.

30. Ndiya kumemelela ndibonge uThixo;ndiya kumncoma ndidomboze.

31. Lo ke wona umbulelo ubalasele;ungaphezulu kokubulela ngethole kuNdikhoyo,uyidlula lee inkunzi yenkomo.

32. Ke bona abahlelelekileyo baya kuvuya;abamlangazelelayo uThixo bokhuthazeka.

33. Kaloku uNdikhoyo uyabeva abahlelelekileyo;akabacekisi abakhe ababanjiweyo.

34. Dandulukani, mazulu nani hlabathi, nimbonge,nani zilwandle nako konke okushukumayo kuni!

35. Kuba uThixo uya kuyisindisa iZiyon,aphinde azakhe izixeko zakwaJuda.Izicaka zakhe ziya kuba ngabemi bakhona,

36. izizukulwana zona zidle ilifa,bathi nabamthandayo bahlale khona.