1. Ngegunya lakho ndisindise, Thixo;ngamandla akho undikhulule.
2. Wuphulaphule umthandazo wam,sive isikhalo sam, Thixo.
3. Iintlanga ziyandihlasela;izikhohlakali zizungula ukundibulala.Zona azimkhathalele nganto uThixo.
4. Kodwa ke umncedi wam nguThixo,umxhasi wam nguMhlekazi.
5. Ngamana wayibuyisela kwasezintshabeni zam inkohlakalo yazo.Zibhangise, kuba uthembekile wena.
6. *Ndikhoyo, ndilangazelela ukukwenzela umbingelelo.Ndiyabulela kuwe, kuba wena ulungile.
7. Kuzo zonke iingxaki zam wena undihlangule;ukoyiswa kweentshaba zam ndikubone ngamehlo.