1. Awu, Thixo, velana nam, kuba iintshaba ziyandihlasela;maxa onke ziyanditshutshisa.
2. Ewe, ndixinekile yintshutshiso yotshaba;yinyambalala abahlaseli abaqholosayo.
3. Ndakuxineka ndikholosa ngawe.
4. UThixo olizwi ndilidumisayondikholosa ngaye ndingenadyudyu.Soze andenze nto umntu.
5. Iintshaba zam ziyaphixanisa;zasoloko ziyila amacebo okundilimaza.
6. Ziphum' izithuba, ziyandilalela;zithene mbende nam.Kaloku ziyandizungula.
7. Babuyekeze ngenxa yezenzo zabo, Thixo;ngamana wabakhahlela phantsi ungenalusizi.
8. Uyakubona ukubhadula kwam,neenyembezi zam uyazibona.Kaloku uyazibhala ezi zinto.
9. Mhla ndabhenela kuwe iintshaba ziya kuphethuka.Ndotsho ndiqonde ukuba uThixo ungakum.
10. UThixo olizwi ndilidumisayo,*uNdikhoyo olizwi ndilidumisayo,
11. ndokholosa ngaye ndingenadyudyu.Soze andenze nto umntu.
12. Ewe, Thixo, ndozifezekisa izithembiso zam,ndenze umbingelelo wokukubulela;
13. kuba undihlangule ekufeni,undisindise ekoyisweni,ukuze ndibe phambi koThixo,ndidle ubomi njalo-njalo.