kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34
  35. 35
  36. 36
  37. 37
  38. 38
  39. 39
  40. 40
  41. 41
  42. 42
  43. 43
  44. 44
  45. 45
  46. 46
  47. 47
  48. 48
  49. 49
  50. 50
  51. 51
  52. 52
  53. 53
  54. 54
  55. 55
  56. 56
  57. 57
  58. 58
  59. 59
  60. 60
  61. 61
  62. 62
  63. 63
  64. 64
  65. 65
  66. 66
  67. 67
  68. 68
  69. 69
  70. 70
  71. 71
  72. 72
  73. 73
  74. 74
  75. 75
  76. 76
  77. 77
  78. 78
  79. 79
  80. 80
  81. 81
  82. 82
  83. 83
  84. 84
  85. 85
  86. 86
  87. 87
  88. 88
  89. 89
  90. 90
  91. 91
  92. 92
  93. 93
  94. 94
  95. 95
  96. 96
  97. 97
  98. 98
  99. 99
  100. 100
  101. 101
  102. 102
  103. 103
  104. 104
  105. 105
  106. 106
  107. 107
  108. 108
  109. 109
  110. 110
  111. 111
  112. 112
  113. 113
  114. 114
  115. 115
  116. 116
  117. 117
  118. 118
  119. 119
  120. 120
  121. 121
  122. 122
  123. 123
  124. 124
  125. 125
  126. 126
  127. 127
  128. 128
  129. 129
  130. 130
  131. 131
  132. 132
  133. 133
  134. 134
  135. 135
  136. 136
  137. 137
  138. 138
  139. 139
  140. 140
  141. 141
  142. 142
  143. 143
  144. 144
  145. 145
  146. 146
  147. 147
  148. 148
  149. 149
  150. 150

Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 32 Ibhayibhile (XHO96)

Ukuzohlwaya nokuxolelwa

Umbongo kaDavide.

1. Hay' uyolo lwabo baluxolelweyo ukreqo lwabo nguThixo,abo bazono zabo zingcwatyiweyo.

2. Ewe, unoyolo lowo athe *uNdikhoyo akabubalela kuye ubugwenxa bakhe,umnt' ongenayo konke inkohliso.

3. Ndithi ndakungasivumi isono sam,amandla atsho andiphelele,ngenxa yesingqala endiba naso imini yonke.

4. Isandla sakho sindicinezele ubusuku nemini,ndaphelelwa ngamandla, ngathi ndigqatswe lilanga lehlobo.

5. Ndithe ke ndakusivuma kuwe isono sam,ndabuxela ubugwenxa bam, ndisithi:“Ndisixela kuwe, Ndikhoyo, isono sam;”wandixolela wena ityala lam.

6. Yiyo ke loo nto bazibikayo xa kunzima abo banyanisekileyo,kuba ukufika komsinga abayi kugutyungelwa.

7. Wena uyinqaba endizifihla kuyo;uyandikhusela xa ndisebunzimeni.Undirhangqe ngosindiso lwakho;ngoko ke ndimemelela ndinemincili.

8. Ndokwazisa indlela omawuhambe ngayo,utsho uNdikhoyo,ndikufundise, ndikujonge.

9. Mus' ukuba sisititsi, uxel' ihashe nembongolo,izintw' ezilawulwa ngomkhala ukuze zingadlokovi.

10. Bajongene neentsizi ezininzi abantw' abagwenxa,kodwa yena othembele kuNdikhoyo uphahlwe zizibele zakhe.

11. Vuyani, nina malungisa, nichwayite ngenxa kaNdikhoyo;nina bamthobelayo uNdikhoyo, chulumachani!