kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34
  35. 35
  36. 36
  37. 37
  38. 38
  39. 39
  40. 40
  41. 41
  42. 42
  43. 43
  44. 44
  45. 45
  46. 46
  47. 47
  48. 48
  49. 49
  50. 50
  51. 51
  52. 52
  53. 53
  54. 54
  55. 55
  56. 56
  57. 57
  58. 58
  59. 59
  60. 60
  61. 61
  62. 62
  63. 63
  64. 64
  65. 65
  66. 66
  67. 67
  68. 68
  69. 69
  70. 70
  71. 71
  72. 72
  73. 73
  74. 74
  75. 75
  76. 76
  77. 77
  78. 78
  79. 79
  80. 80
  81. 81
  82. 82
  83. 83
  84. 84
  85. 85
  86. 86
  87. 87
  88. 88
  89. 89
  90. 90
  91. 91
  92. 92
  93. 93
  94. 94
  95. 95
  96. 96
  97. 97
  98. 98
  99. 99
  100. 100
  101. 101
  102. 102
  103. 103
  104. 104
  105. 105
  106. 106
  107. 107
  108. 108
  109. 109
  110. 110
  111. 111
  112. 112
  113. 113
  114. 114
  115. 115
  116. 116
  117. 117
  118. 118
  119. 119
  120. 120
  121. 121
  122. 122
  123. 123
  124. 124
  125. 125
  126. 126
  127. 127
  128. 128
  129. 129
  130. 130
  131. 131
  132. 132
  133. 133
  134. 134
  135. 135
  136. 136
  137. 137
  138. 138
  139. 139
  140. 140
  141. 141
  142. 142
  143. 143
  144. 144
  145. 145
  146. 146
  147. 147
  148. 148
  149. 149
  150. 150

Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 106 Ibhayibhile (XHO96)

Izibele zikaNdikhoyo kubantu bakhe

Iculo; umhobe kaDavide.

1. Mbongen' *uNdikhoyo!Bambani ngazibini kuba ulungile uNdikhoyo.Kaloku izibele zakhe ziya kuhlala zikho ngonaphakade.

2. Ngubani onokubalisa ngezenzo ezidumileyo zikaNdikhoyo;ingubani onokumbonga ngokufezekileyo?

3. Hay' uyolo lwabo bathobela imithetho yakhe;nditheth' abo bahlala besenza okulungileyo.

4. Uzundikhumbule, Ndikhoyo, xa ubonelel' abantu bakho;ungandishiyi, Ndikhoyo, xa ubahlangulayo.

5. Nam maze ndiyibon' inkqubela yabanyulwa bakho,ndize ndivuye kunye nabantu bakho,ndilixhamle ibhongo neqhayiya labantu bakho.

6. Nathi sone njengookhokho,sikwenzile ukungcola nobubi.

7. Xa babeseJiputa oomawokhuluzange bazinanze izenzo zakhw' ezidumileyo;bazilibala izibele zakho,basuka bamvukel' uPhezukonke kuLwandl' oluBomvu.

8. Kodwa wabahlangula uNdikhoyo ngenxa yegama lakhe,khon' ukuze bawaqonde amandla akhe.

9. Wawis' izwi, lwaza loma qoko uLwandle oluBomvu;wabaweza kuloo nzonzobila,banga bahamb' enkangala.

10. Wenjenjal' ukubakhulula esandleni sotshaba;wabahlangula kubabandezeli babo.

11. Zagutyungelwa ngamanzi iintshaba zabo,akwasinda namnye kuzo.

12. Bandul' ukuziqonda ke izithembiso zikaNdikhoyo,baza badomboza betyibela ngemibongo.

13. Kwakamsinya bazilibala izintw' abenzele zona,benza ukuthanda kwabo bengajonge cebiso kuye.

14. Entlango bangenwa kukubawa,baza bamlinga uThixo kuloo nkangala.

15. Wabenzela izicelo zabo,kodwa wabathumela ngobhubhani wesifo.

16. Bammonela uMosis apho entlango,nditsho naso isicaka sikaNdikhoyo uAron.

17. Wavuleka wona umhlaba waginya uDatan,wagqumelela uAbhiram kunye neqela lakhe.

18. Kwagqabhuk' umlilo phakathi kwabo,awabhuq' onk' amatshijolo amalangatye.

19. Babumba ithole eHorebhe,baza banqula kwaloo mfanekiso bawenzileyo.

20. Ngale ndlela isihomo sikaThixobasinika umfanekiso wenkomo, into edla utyani.

21. Bamfulathela uMsindisi wabo,kanye lo wabenzela izinto ezintle eJiputa.

22. Hay' ubukhulu bezinto abenzela zona kwelakwaHam;hay' ukukhwankqisa kwemimangaliso kuLwandl' oluBomvu!

23. Yiyo ke loo nto athe nge-ebabhangisile uThixoukuba uMosis isicaka sakhe wayengabamelanga,athibaz' ingqumbo kaThixo bangatshabalali.

24. Balicekisa ilizwe elihle kakhulu,kuba babengazikholelwa izithembiso zikaThixo.

25. Babehlala ezintenteni bekrokra,bengawuthobeli umyalelo kaNdikhoyo.

26. Wamis' isibhozo efung' esithiwobayeka bafel' aph' enkangala,

27. ize inzala yab' ayichitha-chithe phakathi kweentlanga,ibe ziintsalu apho kumazw' asemzini.

28. Basuka bazibandakanya nabanquli bakaBhali wasePehore,batya nokutya kwamadini *ezithixo.

29. Bamcaphukisa uNdikhoyo ngezenzo zabo,kwabakho ubhubhani wesifo phakathi kwabo.

30. Waphakama wabangxengxezela uPineyasi,saza sathomalala isibetho eso.

31. Ngale nto ke wabalelwa kumalungisa,wahlala ekhunjulwa izizukulwana ngezizukulwana.

32. Nangasemithonjeni yeMeribha bamqumbisa uNdikhoyo,waba sengxakini uMosis ngenxa yabo.

33. Bamcaphukisa uMosisngangokuba wada wathetha amazwi angemahle konke.

34. Abazange bazitshabalalise iintlanganjengoko babeyalelwe nguNdikhoyo.

35. Basuka bendiselana nazo,bafunda namasiko azo.

36. Banqula izithixo abantu bakaThixo,nto leyo ke yaba ngumgibe wabo.

37. Babinga oonyana neentombi zabo,besenzela iindimoni amadini.

38. Baliphalaz' igaz' elingenatyala,nditheth' eloonyana neentombi zaboababebanikela kwizithixo zaseKanana;labubutyadidi ke elo zwe lelo gazi.

39. Benjenjalo ke ukuzixabhela;benjenjalo ukuzenyelisa bamfulathela uThixo.

40. UNdikhoyo wavutha ngumsindo,waza wabacaphukela abantu bakhe.

41. Wabayekela ezandleni zeentlanga,baba phantsi kolawulo lweentshaba zabo.

42. Zababandezel' iintshaba,bahlala kabuhlungu phantsi kwazo.

43. Kwaba kaninzi-ninzi ebahlangula uNdikhoyo,kodwa bakhetha ukungamva,beyela zwabha esonweni;

44. Kambe ke wabuya wayigqala uNdikhoyo imbandezelo yabo,wabeva bakuzibika kuye;

45. wazikhumbula nezithembiso zakhe kubo,waba nenceba ngenxa yothando lwakhe olukhulu,

46. wabatsho basizelwa ngababandezeli babo.

47. Sisindise, Ndikhoyo, Thixo wethu,siqokelele phakathi kweentlanga, ukuze sikubulele,silibonge igama lakho elingcwele.

48. Makabongwe uNdikhoyo uThixo kaSirayelikususela ngoku kude kube nini-nini!Bonk' abantu mabathi: “Huntshu!”Mawubongwe wena, Ndikhoyo.