kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34
  35. 35
  36. 36
  37. 37
  38. 38
  39. 39
  40. 40
  41. 41
  42. 42
  43. 43
  44. 44
  45. 45
  46. 46
  47. 47
  48. 48
  49. 49
  50. 50
  51. 51
  52. 52
  53. 53
  54. 54
  55. 55
  56. 56
  57. 57
  58. 58
  59. 59
  60. 60
  61. 61
  62. 62
  63. 63
  64. 64
  65. 65
  66. 66
  67. 67
  68. 68
  69. 69
  70. 70
  71. 71
  72. 72
  73. 73
  74. 74
  75. 75
  76. 76
  77. 77
  78. 78
  79. 79
  80. 80
  81. 81
  82. 82
  83. 83
  84. 84
  85. 85
  86. 86
  87. 87
  88. 88
  89. 89
  90. 90
  91. 91
  92. 92
  93. 93
  94. 94
  95. 95
  96. 96
  97. 97
  98. 98
  99. 99
  100. 100
  101. 101
  102. 102
  103. 103
  104. 104
  105. 105
  106. 106
  107. 107
  108. 108
  109. 109
  110. 110
  111. 111
  112. 112
  113. 113
  114. 114
  115. 115
  116. 116
  117. 117
  118. 118
  119. 119
  120. 120
  121. 121
  122. 122
  123. 123
  124. 124
  125. 125
  126. 126
  127. 127
  128. 128
  129. 129
  130. 130
  131. 131
  132. 132
  133. 133
  134. 134
  135. 135
  136. 136
  137. 137
  138. 138
  139. 139
  140. 140
  141. 141
  142. 142
  143. 143
  144. 144
  145. 145
  146. 146
  147. 147
  148. 148
  149. 149
  150. 150

Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 77 Ibhayibhile (XHO96)

Intuthuzelo yamaxesha eenzima

Kumbhexeshi-kwayara; umhobe ka-Asafu kuJedutun.

1. Ndiyakhwaza, ndibhekisa kuThixo;ndikhala kuye, ukuba andiphulaphule.

2. Ngomhla wenkathazo ndibhenela eNkosini;ebusuku ndiyazingisa, ndiziphakamisela kuyo izandla,umoya wam ungavumi ukuthuthuzeleka.

3. Ndakucinga ngoThixo, ndiba nesingqala;ndakucamngca, uyatyhafa umoya wam.

4. Andisabazi nobuthongo;ndixakwe nakukuthetha ziinkathazo.

5. Hay' imihla yamfamlibe;ndikhumbul' iminyaka yamandulo.

6. Ebusuku ndidliwa ngumva-ndedwa;ndiyacamngca ndiyicikida intliziyo yam, ndisithi:

7. “Ngaba yondilahla kuphele iNkosi,ingaze ibuye indamkele?

8. Ngaba lutshitshile na uthando lwayo?Sibhangile na isithembiso sayo?

9. Selekulibele na uThixo ukubuya ngetarhu?Ngaba umsindo wakhe uluvalile uvelwano?”

10. Ndide ndithi: “Nantsi eyona indixhelayo:kukunqamka kwamandla kaPhezukonke.

11. Ndikhumbula izenzo zakho, *Ndikhoyo;ewe, ndicinga ngemimangaliso yamandulo.

12. Ndicamngca ngemisebenzi yakho;ndetyisa izenzo zakho ezikhwankqisayo.”

13. Hayi ke beth' ubunyulu bukaThixo!Thixo wuphi ofana noThixo wethu?

14. Wena unguThixo owenza imimangaliso;amandla akho abonakele phakathi kwabantu;

15. Wabakhulula ngamandla akho abantu;ewe, nditsho oonyana bakaYakobi nabakaJosefu.

16. Uthi wakuvela wena, Thixo, arhwaqel' amanzi,nenzongonzongo yolwandle ingcangcazele.

17. Amafu wona atsho avuz' amanzi,isibhakabhaka sona sagragrama,imibane yona yaphithizela.

18. Izithonga zeendudumo zazihamba nezaqhwithi,imibane yalikhanyisa lonke ihlabathi,umhlaba wangcangcazela wanyikima.

19. Wena wadabul' ulwandle,wacand' amanzi anzongonzongo.Ke wona umkhondo wakho awufumaneki.

20. Wabakhokela njengomhlambi abantu bakhongesandla sikaMosis noAron.