kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34
  35. 35
  36. 36
  37. 37
  38. 38
  39. 39
  40. 40
  41. 41
  42. 42
  43. 43
  44. 44
  45. 45
  46. 46
  47. 47
  48. 48
  49. 49
  50. 50
  51. 51
  52. 52
  53. 53
  54. 54
  55. 55
  56. 56
  57. 57
  58. 58
  59. 59
  60. 60
  61. 61
  62. 62
  63. 63
  64. 64
  65. 65
  66. 66
  67. 67
  68. 68
  69. 69
  70. 70
  71. 71
  72. 72
  73. 73
  74. 74
  75. 75
  76. 76
  77. 77
  78. 78
  79. 79
  80. 80
  81. 81
  82. 82
  83. 83
  84. 84
  85. 85
  86. 86
  87. 87
  88. 88
  89. 89
  90. 90
  91. 91
  92. 92
  93. 93
  94. 94
  95. 95
  96. 96
  97. 97
  98. 98
  99. 99
  100. 100
  101. 101
  102. 102
  103. 103
  104. 104
  105. 105
  106. 106
  107. 107
  108. 108
  109. 109
  110. 110
  111. 111
  112. 112
  113. 113
  114. 114
  115. 115
  116. 116
  117. 117
  118. 118
  119. 119
  120. 120
  121. 121
  122. 122
  123. 123
  124. 124
  125. 125
  126. 126
  127. 127
  128. 128
  129. 129
  130. 130
  131. 131
  132. 132
  133. 133
  134. 134
  135. 135
  136. 136
  137. 137
  138. 138
  139. 139
  140. 140
  141. 141
  142. 142
  143. 143
  144. 144
  145. 145
  146. 146
  147. 147
  148. 148
  149. 149
  150. 150

Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 27 Ibhayibhile (XHO96)

Umthandazo wokubonga

Umhobe kaDavide.

1. *InguNdikhoyo nje ondikhanyiselayo,inguye nje ondisindisayo, ndingoyika ntoni?InguNdikhoyo nje inqaba yam, ndingoyika bani?

2. Xa bendidlavula abantw' abakhohlakeleyo,iintshaba zam nabandileqayo,kokhubeka kwabona, bawe.

3. Nokuba ndingade ndingqongwe ngumkhosi,andiyi kuba naluvalo konke.Nokuba ndirhawulwe yimfazwe,ndiya kuthembela ngoNdikhoyo.

4. Ndinqwenela into enye kuphela kuNdikhoyo,ndaye ndifuna yona kanye:le yokuba ze ndihlale kwaNdikhoyo yonke imihla yobomi bam,ndiqwalasele ubuhle bakhe, ndimfune endlwini yakhe.

5. Kaloku wondikhusela enqabeni yakhe ngexesha lobubi,andifihle engontsini endlwini yakhe,ndithi ngcu phezulu eliweni.

6. Ngoko ke ndiya kuzikrobela iintshaba ezindingqongileyo,ndinikele uNdikhoyo idini endlwini yakhe,ndinemivuyo ndicula, ndivumela uNdikhoyo.

7. Ndive, Ndikhoyo, xa ndizibika kuwe;yiba nenceba kum, undiphulaphule.

8. Kweli wena uthi: “Funani ubuso bam,”intliziyo yam yathi: “Ewe, ndiyafuna ukukubona, Ndikhoyo.”

9. Mus' ukuzifihla kum, Ndikhoyo,ungasilahli ngomsindo isicaka sakho.Wena mncedi wam, mus' ukundilahla;uzungandishiyi, Thixo wam, Mkhululi wam.

10. Xa ndilahlwe ngubawo noma,wondichola yena uNdikhoyo.

11. Ndifundise indlela yakho, Ndikhoyo,undikhokele endleleni elungileyo,kuba zininzi iintshaba zam.

12. Uzungandiyekeli kwabandivukelayo,kuba andivukele amangqina obuxoki,afutha ukundenzakalisa.

13. Ngenene ndobuxhamla kambe ububele bukaNdikhoyolo gama ndisadla amazimba.

14. Thembela kuNdikhoyo; yomelela, ube nesibindi!Ewe, thembela kuNdikhoyo wena!