1. Iziyatha zithi akukho Thixo ngandawo.Zonakele, futhi zenza amasikizi;akukho ulungisayo kuzo.
2. Ke yena uThixo ubabukele abantu;uhlel' ezulwini efuna ukuqondaukuba ngaba sikho na isilumko,nditsho ofuna ukunqula uThixo.
3. Kambe ke bonke bemkile; xa bebonke bonakele;kubo akakho olungisayo; nditsho nokuba abe mnye.
4. Abanangqondo na abakhohlakeleyo,abo baxhaphaza amawethu, ngathi batya isonka,bengamnquli nokumnqula uThixo?
5. Baya kunkwantya ngendlela engaziwa mntu.Kaloku uThixo uyawasarhaza amathambo âbo bamchasayo.Baya kuhlazeka kuba uThixo ubalahlile.
6. Akwaba ingavela eZiyon inkululeko yamaSirayeli!Akuba uThixo eyibuyisele inkqubela yabantu bakhe,abakwaYakobi baya kugcoba, achulumache amaSirayeli.