1. Mombeleleni ingoma entsha *uNdikhoyo!Mombelel' uNdikhoyo, hlabathi lonke!
2. Mombelelen' uNdikhoyo, nibonge igama lakhe;zivakaliseni mihla le iindaba zakhe zosindiso.
3. Zibaliseleni ngesihomo nesithozela sakhe iintlanga;zixeleleni ngemimangaliso ayenzileyo zonke izizwe.
4. Kaloku yingangalala uNdikhoyo, ufanelwe yimbeko enkulu;ufanelwe kukoyikwa ngaphezu *kwezithixo zonke,
5. kuba yimifanekiso nje izithixo zeentlanga,kodwa yena uNdikhoyo wadal' oomazulu.
6. Yena unobungangamsha nesithozela;kukho isihomo nendili apho akhoyo.
7. Mbongeni uNdikhoyo, nina bemi bomhlaba;mbongeni kuba unewonga namagunya.
8. Mnikeni imbeko efanele igama lakhe;sondezani amadini, ningene endlwini yakhe.
9. Mnquleni uNdikhoyo, yena unesihomo nesithozela;malingcangcazele lonk' ihlabathi phambi kwakhe.
10. Zixeleleni iintlanga ukuba uNdikhoyo nguKumkani;nguye olizinzisayo ihlabathi, aliyi kugungqa;nguye oya kubagweba ngobulungisa bonke abantu.
11. Gcobani, mazulu, lichwayite ihlabathi;gquma, wena lwandle, nako konke okwakho;
12. makayeyezele amadlelo nezinto ezikuwo;mayombele imithi emahlathini;
13. kuba uyeza uNdikhoyo;uza kuligweba ihlabathi,alilawule ngobulungisa,azigwebe ngokomthetho izizwe.