kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34
  35. 35
  36. 36
  37. 37
  38. 38
  39. 39
  40. 40
  41. 41
  42. 42
  43. 43
  44. 44
  45. 45
  46. 46
  47. 47
  48. 48
  49. 49
  50. 50
  51. 51
  52. 52
  53. 53
  54. 54
  55. 55
  56. 56
  57. 57
  58. 58
  59. 59
  60. 60
  61. 61
  62. 62
  63. 63
  64. 64
  65. 65
  66. 66
  67. 67
  68. 68
  69. 69
  70. 70
  71. 71
  72. 72
  73. 73
  74. 74
  75. 75
  76. 76
  77. 77
  78. 78
  79. 79
  80. 80
  81. 81
  82. 82
  83. 83
  84. 84
  85. 85
  86. 86
  87. 87
  88. 88
  89. 89
  90. 90
  91. 91
  92. 92
  93. 93
  94. 94
  95. 95
  96. 96
  97. 97
  98. 98
  99. 99
  100. 100
  101. 101
  102. 102
  103. 103
  104. 104
  105. 105
  106. 106
  107. 107
  108. 108
  109. 109
  110. 110
  111. 111
  112. 112
  113. 113
  114. 114
  115. 115
  116. 116
  117. 117
  118. 118
  119. 119
  120. 120
  121. 121
  122. 122
  123. 123
  124. 124
  125. 125
  126. 126
  127. 127
  128. 128
  129. 129
  130. 130
  131. 131
  132. 132
  133. 133
  134. 134
  135. 135
  136. 136
  137. 137
  138. 138
  139. 139
  140. 140
  141. 141
  142. 142
  143. 143
  144. 144
  145. 145
  146. 146
  147. 147
  148. 148
  149. 149
  150. 150

Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 7 Ibhayibhile (XHO96)

Ukuthandazela ukuncedwa kwelungisa

Isililo sikaDavide awasivumela *uNdikhoyo ngenxa kaKushe wesizwe sakwaBhenjamin.

1. Thixo wam, Ndikhoyo, ndithembele ngawe!Ndihlangule, undisindise kubo bonk' abandileqayo,

2. hleze bandiqwenga-qwenge njengengonyama,bandiqangqulule ndibe zizijungqe ndingenamhlanguli.

3. Thixo wam, Ndikhoyo,ukuba kukho nto ndiyenzileyo kwezi zinto:ukuba kukho bani ndimonileyo,

4. nokuba ndingcatshe umhlobo wam,okanye ndifumane ndalwenzakalisa utshaba lwam,

5. malundileqe ke lundifumane utshaba,lundinqumle, ndife kube kanye,lundishiye apho ndilutywantsi.

6. Khalima ngomsindo, Ndikhoyo;undithethelele kule ngqumbo yeentshaba zam.Thixo wam, vuka undincede;kaloku wena ufuna kugwetywe ngobulungisa.

7. Mazibizwe zonke izizwe zikungqonge,ungqendeve esihlalweni sakho phezu kwazo.

8. NguNdikhoyo umgwebi wabo bonk' abantu.Ligwebe ityala lam ke, Ndikhoyo,bucace ubulungisa bam, kucace ukuba ndimsulwa.

9. Phelisa inkohlakalo yabantw' abagwenxa,uwazimase amalungisa, wena Thixo othand' ukulunga,ogocagoca iintliziyo neengcinga zabantu.

10. Likhaka lam uThixo,uyabakhusela abantw' abathand' ukulunga.

11. UThixo ngumgwebi olilungisa;unguThixo ocatshukisw' imihla nezolo.

12. Ukuba abazohlwayi abantuwolirhola ikrele lakhe elibukhali uThixo.Selesityedile isaphetha sakhe, wema kuhle;

13. uzikhuphile esingxotyeni sazo izikhali,wajolisa ngeentolo ezinomlilo.

14. Khangela, umnt' ogwenxa ukhawula ukungcola,amith' ubumenemene, azal' ubuxoki.

15. Umba umhadi onzulu,ajike eyele kwakuloo mgibe awenzileyo;

16. urhintyelwa kwabubumenemene bakhe,isikhuni sibuye nomkhwezeli.

17. Ndiyambulela uNdikhoyo ngenxa yobulungisa bakhe.Ndisaya kumbonga uNdikhoyo uPhezukonke.