kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34
  35. 35
  36. 36
  37. 37
  38. 38
  39. 39
  40. 40
  41. 41
  42. 42
  43. 43
  44. 44
  45. 45
  46. 46
  47. 47
  48. 48
  49. 49
  50. 50
  51. 51
  52. 52
  53. 53
  54. 54
  55. 55
  56. 56
  57. 57
  58. 58
  59. 59
  60. 60
  61. 61
  62. 62
  63. 63
  64. 64
  65. 65
  66. 66
  67. 67
  68. 68
  69. 69
  70. 70
  71. 71
  72. 72
  73. 73
  74. 74
  75. 75
  76. 76
  77. 77
  78. 78
  79. 79
  80. 80
  81. 81
  82. 82
  83. 83
  84. 84
  85. 85
  86. 86
  87. 87
  88. 88
  89. 89
  90. 90
  91. 91
  92. 92
  93. 93
  94. 94
  95. 95
  96. 96
  97. 97
  98. 98
  99. 99
  100. 100
  101. 101
  102. 102
  103. 103
  104. 104
  105. 105
  106. 106
  107. 107
  108. 108
  109. 109
  110. 110
  111. 111
  112. 112
  113. 113
  114. 114
  115. 115
  116. 116
  117. 117
  118. 118
  119. 119
  120. 120
  121. 121
  122. 122
  123. 123
  124. 124
  125. 125
  126. 126
  127. 127
  128. 128
  129. 129
  130. 130
  131. 131
  132. 132
  133. 133
  134. 134
  135. 135
  136. 136
  137. 137
  138. 138
  139. 139
  140. 140
  141. 141
  142. 142
  143. 143
  144. 144
  145. 145
  146. 146
  147. 147
  148. 148
  149. 149
  150. 150

Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 103 Ibhayibhile (XHO96)

Izibele zikaThixo

Umhobe kaDavide.

1. Mbonge *uNdikhoyo, moya wam!Mandimbonge uNdikhoyo ngomxhelo wam wonke!

2. Moya wam, mbonge uNdikhoyo,ungaze uyilibale imisebenzi yakhe emihle nanini-nanini:

3. uloxolela zonk' izono zam;ulophilisa zonk' izifo endinazo;

4. ulohlangula ubomi bam enzonzobileni,andambese ngezibele nangenceba;

5. ulondenzel' izintw' ezintle ebomini,ndihlale ndingumqaba-qaba njengokhozi.

6. NguNdikhoyo obonelela abacinezelweyo ubulungisa;ewe, nguye obagwebelayo bonke ngokungenaxanasi.

7. Wamazisa icebo lakhe uMosis;wawabonisa amaSirayeli amandla akhe.

8. UNdikhoyo unenceba nesisa;uqumba kade, yimvuze-mvuze enobubele.

9. Kaloku akasolok' engxolisa, yaye akananqala.

10. Akasohlwayi njengoko sifanelwe kukohlwaywa,engaziphindezeli ngokwezigqitho zethu.

11. Kungangokuba kude kwesibhakabhaka emhlabeniukubalasela kwezibele zakhe kwabamhlonelayo;

12. ulogxoth' izono zithi qelele kuthinjengempumalanga nentshonalanga.

13. Bufana nomzali kubantwanaububele bukaNdikhoyo kwabamnik' imbeko.

14. Kaloku uyasazi into esiyiyo;uyaqonda ukuba siluthuli.

15. Yen' okokwakhe umntu uyafana nje nengca:uyakhula, achume okwentyatyambo.

16. Suka uvuthuze won' umoya,iphephethek' intyatyambo,ingab' ibekho kuloo ndaw' ibikad' ikuyo.

17. Ke zon' izibele zikaNdikhoyo zivelela abamhloneleyo;uhlala enobubele kwizizukulwana ngezizukulwana,

18. kwabanyanisekileyo kumnqophiso wakhenabathobela imithetho yakhe.

19. UNdikhoyo ungqendev' esihlalweni sakhe ebhotw' ezulwini;ulawulo lwakhe luqhakamshela ihlabathi liphela.

20. Mbongeni uNdikhoyo, nina zithunywa zakhe ezinamandla;mbongeni, nina nibalasele ngokumthobela;liphulaphuleni ilizwi lakhe.

21. Mbongeni, uNdikhoyo, nina mikhosi yezulu;mbongeni, nina zicaka zakhe.

22. Nani zidalwa, khanimbonge nonke,kuzo zonk' iindaw' alawula kuzo.Nawe, moya wam, mbonge uNdikhoyo!