1. Mbonge *uNdikhoyo, moya wam!Mandimbonge uNdikhoyo ngomxhelo wam wonke!
2. Moya wam, mbonge uNdikhoyo,ungaze uyilibale imisebenzi yakhe emihle nanini-nanini:
3. uloxolela zonk' izono zam;ulophilisa zonk' izifo endinazo;
4. ulohlangula ubomi bam enzonzobileni,andambese ngezibele nangenceba;
5. ulondenzel' izintw' ezintle ebomini,ndihlale ndingumqaba-qaba njengokhozi.
6. NguNdikhoyo obonelela abacinezelweyo ubulungisa;ewe, nguye obagwebelayo bonke ngokungenaxanasi.
7. Wamazisa icebo lakhe uMosis;wawabonisa amaSirayeli amandla akhe.
8. UNdikhoyo unenceba nesisa;uqumba kade, yimvuze-mvuze enobubele.
9. Kaloku akasolok' engxolisa, yaye akananqala.
10. Akasohlwayi njengoko sifanelwe kukohlwaywa,engaziphindezeli ngokwezigqitho zethu.
11. Kungangokuba kude kwesibhakabhaka emhlabeniukubalasela kwezibele zakhe kwabamhlonelayo;
12. ulogxoth' izono zithi qelele kuthinjengempumalanga nentshonalanga.
13. Bufana nomzali kubantwanaububele bukaNdikhoyo kwabamnik' imbeko.
14. Kaloku uyasazi into esiyiyo;uyaqonda ukuba siluthuli.
15. Yen' okokwakhe umntu uyafana nje nengca:uyakhula, achume okwentyatyambo.
16. Suka uvuthuze won' umoya,iphephethek' intyatyambo,ingab' ibekho kuloo ndaw' ibikad' ikuyo.
17. Ke zon' izibele zikaNdikhoyo zivelela abamhloneleyo;uhlala enobubele kwizizukulwana ngezizukulwana,
18. kwabanyanisekileyo kumnqophiso wakhenabathobela imithetho yakhe.
19. UNdikhoyo ungqendev' esihlalweni sakhe ebhotw' ezulwini;ulawulo lwakhe luqhakamshela ihlabathi liphela.
20. Mbongeni uNdikhoyo, nina zithunywa zakhe ezinamandla;mbongeni, nina nibalasele ngokumthobela;liphulaphuleni ilizwi lakhe.
21. Mbongeni, uNdikhoyo, nina mikhosi yezulu;mbongeni, nina zicaka zakhe.
22. Nani zidalwa, khanimbonge nonke,kuzo zonk' iindaw' alawula kuzo.Nawe, moya wam, mbonge uNdikhoyo!