1. Awu, khawuncede undihlangule, Thixo!Khawuleza, *Ndikhoyo, undincede!
2. Mabadane badideke abandizondayo;mabarhoxe baphoxeke abazungula ukundenzakalisa.
3. Mabajike benyoshoza abo bathi tshotsho vityo.
4. Abakulangazelelayo mabavuye bagcobe ngawe;abaluthandayo usindiso lwakho mabangaphezi ukuthi:“Huntshu – uyingangalala uThixo!”
5. Ke mna ndilihlwempu, ndiludwayi;awu, Thixo, khawundivelele!Umncedi nomhlanguli wam nguwe;sukuba saphozisa maseko, Ndikhoyo!