1. *UNdikhoyo wasithi zinzi isixeko sakhephezu kwentaba engcwele.
2. Ewe, yena akaziva ngeZiyon;ingaphezu kwayo yonke imizi yakwaYakobi.
3. Ewe, kuthethwa kamnandi ngawe, Ziyon, sixeko sikaThixo:
4. “Phakathi kwabo bandaziyo ndibalula iJiputa neBhabheli;ewe, amaFilistiya, amaTire, namaKushe,xa ewonke aphuma eJerusalem.”
5. IZiyon kuya kuthiwa ngunozala wezizwe zonke,kuba uPhezukonke uyayixhasa.
6. Akuzidwelisa zonke izizwe uNdikhoyo,xa zizonke zoba ngabemi baseJerusalem.
7. Iimvumi nabangqungqayo baya kuthi:“Thina singabomthonyama.”