kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34
  35. 35
  36. 36
  37. 37
  38. 38
  39. 39
  40. 40
  41. 41
  42. 42
  43. 43
  44. 44
  45. 45
  46. 46
  47. 47
  48. 48
  49. 49
  50. 50
  51. 51
  52. 52
  53. 53
  54. 54
  55. 55
  56. 56
  57. 57
  58. 58
  59. 59
  60. 60
  61. 61
  62. 62
  63. 63
  64. 64
  65. 65
  66. 66
  67. 67
  68. 68
  69. 69
  70. 70
  71. 71
  72. 72
  73. 73
  74. 74
  75. 75
  76. 76
  77. 77
  78. 78
  79. 79
  80. 80
  81. 81
  82. 82
  83. 83
  84. 84
  85. 85
  86. 86
  87. 87
  88. 88
  89. 89
  90. 90
  91. 91
  92. 92
  93. 93
  94. 94
  95. 95
  96. 96
  97. 97
  98. 98
  99. 99
  100. 100
  101. 101
  102. 102
  103. 103
  104. 104
  105. 105
  106. 106
  107. 107
  108. 108
  109. 109
  110. 110
  111. 111
  112. 112
  113. 113
  114. 114
  115. 115
  116. 116
  117. 117
  118. 118
  119. 119
  120. 120
  121. 121
  122. 122
  123. 123
  124. 124
  125. 125
  126. 126
  127. 127
  128. 128
  129. 129
  130. 130
  131. 131
  132. 132
  133. 133
  134. 134
  135. 135
  136. 136
  137. 137
  138. 138
  139. 139
  140. 140
  141. 141
  142. 142
  143. 143
  144. 144
  145. 145
  146. 146
  147. 147
  148. 148
  149. 149
  150. 150

Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 78 Ibhayibhile (XHO96)

UThixo nabantu bakhe

Umbongo ka-Asafu.

1. Khaniyibekel' iindlebe, mawethu, imfundiso yam;khanindiph' iindlebe ndithethe.

2. Ndiza kuthetha nani ngemizekeliso;ndiza kuphokoz' iintsonkotha zamandulo.

3. Ndixel' izinto esazivayo nesizaziyo,izintw' esazixelelwa ngoobawo.

4. Asinako ukubafihlela abantwana babo,koko sozibhengeza kwizizukulwana ezizayo:imisebenzi emihle *kaNdikhoyo namandla akhe,ewe, nditsho nemimangaliso ayenzileyo.

5. Wamisela umthetho kwaYakobi,wanikela imimiselo kwaSirayeli;wabanqonqozisa ngayo oobawo,ukuze bafundise abantwana babo,

6. khon' ukuze ziyazi izizukulwana ezizayo,ewe, nditsho nabangekalibon' ilanga.Bona ke bayigqithisele kubantwana babo,

7. ukwenzela ukuba bakholose ngoThixo,bangaze bayilibale imisebenzi yakhe,koko bayithobele imimiselo yakhe;

8. ewe, bona bangafuzi ooyise,isizukulwana esineenkani nesigwilikayo,abantu abantliziyo zibhetyebhetye,abangazange banyaniseka kuThixo.

9. AmaEfrayim axhoba ngeentolo,engàxhob' ef' amacala,kodwa aswantsula ngomhla wedabi.

10. Akawuthobelanga umnqophiso kaThixo,asuka ala ukuhamba ngokomthetho.

11. Suke ayilibala imisebenzi yakhe,imiqondiso awayewabonise yona.

12. UThixo wenza imimangaliso phambi kooyise,eJiputa kumathafa aseZowan.

13. Walahlula-hlula ulwandle, bawela,amanzi aba yinduli ngapha nangapha.

14. Wabakhokela ngelifu emini,ebusuku wabakhokela ngomlilo.

15. Waqhekeza amawa entlango,basela amanzi ampompozayo.

16. Wavelisa imithombo elulwalweni,amanzi aqukuqela ngathi yimilambo.

17. Kodwa baphindelela ukona,bavukelana naye uPhezukonke entlango.

18. Bamvavanya ngabom uThixongokubiza ukutya ababekubawela.

19. Baphoxisa ngoThixo bathi:“Angakuthatha phi na ukutya apha entlango?

20. Ewe, waliqhekeza iliwa, antyunty' amanzi,kwaza kwagqobhoza imilambo.Ewe, makasinik' isonka kaloku,abaph' inyama abantu bakhe.”

21. Akuyiva le nto uNdikhoyo wacaphuka,waza wamlenya ngomlilo uYakobi.Ewe, wanoburhalarhume kuSirayeli,

22. kuba bengakholosanga ngoThixo,bengathembanga ukuba angabasindisa.

23. Kambe ke wayalela isibhakabhaka,zaza zavuleka iingcango zezulu,

24. yaza *imana yawa njengemvula,wabanika batya ukutya kwaphezulu.

25. Ewe, abantu batye ukutya kwezithunywa zezulu,baza batya bada bahlutha.

26. Wathumela umoya wasempuma wabhudla,ngamandla akhe wavusa umoya wasezantsi.

27. Wabathobela inyama,kwangathi sisivungu-vungu;inyambalala yeentaka ezingangentlabathi yolwandle

28. waziwisa apho babemise khona,ewe, zajikeleza iintente zabo.

29. Abantu batya bada bahlutha;kaloku wabanika loo nto babeyifuna.

30. Kanti ke bathe bengekadikwa,besaxakekile besatya njalo,

31. suka wavutha umsindo kuThixo,wababulala abona bomeleleyo,wabageqa abafana bakwaSirayeli.

32. Nakuba kunjalo baphikelela ukona,bangenelwa kukudelela, àbakholwa.

33. Waza ke wababhangisa okomphunga,imihla yabo yaphela lishwangusha.

34. Akubohlwaya babuyela kuye,baguquka bazinikela kuThixo.

35. Bakhumbula ukuba nguThixo inqaba yabo,bangáhlangulwa nguThixo uPhezukonke.

36. Kodwa kuloo nto yonke bamqhatha;bâthi: “Lala, gusha, ndikuchebe.”

37. Zabe iintliziyo zona zikude lee kuye,bengakhange bawunanze umnqophiso wakhe.

38. Kambe ke yena uThixo waba nenceba,wabaxolela iziphoso zabo,wazibamba akabatshabalalisa;ewe, wayewubamba futhi umsindo wakhe,wayithomalalisa ingqumbo yakhe.

39. Wakhumbula ukuba bangabantu,into edlula njengomoya iphele.

40. Kwaba kaninzi bemvukela entlango;ewe, babemtsho abe neenzingo kwelingamiwayo.

41. Baphinda-phinda ukumvavanya,bamcaphukisa oyiNgcwele kaSirayeli.

42. Bamlibala àbamkhumbula ngamandla akhe,bawulibala umhla wokuhlangulwa kwabo elutshabeni.

43. Abayikhumbulanga imiqondiso yakhe yaseJiputa,nemimangaliso yakhe kumathafa aseZowan,

44. apho wawajika khona amanzi aba ligazi,kwayinqaba kumaJiputa ukusela emithonjeni.

45. Wabathumela ngamabubu eempukane, zabangcungcuthekisa,ngokunjalo namasele abazisela imbubho.

46. Izilimo zabo wazithumela ngesihlava,isivuno sabhuqwa ziinkumbi.

47. Idiliya yabo wayivuthulula ngesiphango,ke wona amakhiwane wawarhawula ngeqabaka.

48. Iinkomo zabo wazintlitha ngesichotho,imihlambi yabo yalenywa yimibane.

49. Wasuka ke wavutha umsindo wakhe,wayivulela ingqumbo yakhe ecaphukile,wababandezela ngolunya,umkhosi wezithunywa wabatshabalalisa.

50. Zange abe sazibamba, wawuvulela umsindo wakhe,akabasindisa ekufeni;ewe, wasuka wabathumela ngobhubhani.

51. Wawathi qwaka onke amazibulo amaJiputa,wabageqa abaligugu neqhayiya lakwaHam.

52. Kanti ke wabakhokela njengeegusha abantu bakhe,entlango wabalusa ngathi ngumhlambi.

53. Wabalondoloza batsho baphelelwa ngamaxhala,kambe ke ulwandle lwaziginya iintshaba zabo.

54. Wabakhokela wabasa kwelilelakhe ilizwe,entabeni awayizuza ngamandla akhe.

55. Bakufika wazidudula izizwe zabhaca,abantu bakhe wabacandela umhlaba wazo,amaSirayeli athi zava ezikhundleni zazo.

56. Kanti ke bamlinga bamvukela uThixo uPhezukonke;ewe, abazange bawuthobele umthetho wakhe.

57. Bamvukela, bahamba ngobutshijolo booyise;basuka àbanyaniseka, àbathembeka okwesaphetha esityokololo.

58. Bamcaphukisa ngokukodwa ngokunqula izithixo,bamkhweletisa ngemifanekiso ababeyinqula.

59. Akuyibona le nto uThixo waqumbakangangokuba wasuka wamhlamba uSirayeli.

60. Ewe, wafuduka emzini wakhe eShilo,wayishiya indlu awayehlala kuyo phakathi kwabantu.

61. Wabayekela yathinjwa ityesi yomnqophiso,iqhayiya labo lemka notshaba.

62. Abantu bakhe baba zizisulu zekrele,ilifa lakhe waliqwenga ngengqumbo.

63. Abafana batshayelwa ngumlilo,zatsho iintombi zaphoswa ngumtshato.

64. Ababingeleli bageqwa likrele,kodwa abahlolokazi babo àbalila.

65. INkosi yathi khwaphuphu njengobelele,njengegorha elishushiswa yiwayini.

66. Wazikhaba iintshaba zakhe,zatsho zaxabheleka umlibe.

67. Wayilahla indlu kaJosefu,wayibukula indlu kaEfrayim.

68. Kodwa wayichonga indlu kaJuda,intaba iZiyon ayithandayo.

69. Wayakha yafana nezulu indlu yakhe;ikhaya lakhe sisimakade, linjengomhlaba.

70. Wasinyula isicaka sakhe uDavide,wasiphuthuma ekwaluseni.

71. Wamkhupha ekwaluseni amatakane,wamenza umalusi wabantu bakhe,wangumalusi kaSirayeli ilifa lakhe.

72. Wabalusa ngokuzimisela nangenyameko;ewe, wabakhokela ngobuchule.