kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34
  35. 35
  36. 36
  37. 37
  38. 38
  39. 39
  40. 40
  41. 41
  42. 42
  43. 43
  44. 44
  45. 45
  46. 46
  47. 47
  48. 48
  49. 49
  50. 50
  51. 51
  52. 52
  53. 53
  54. 54
  55. 55
  56. 56
  57. 57
  58. 58
  59. 59
  60. 60
  61. 61
  62. 62
  63. 63
  64. 64
  65. 65
  66. 66
  67. 67
  68. 68
  69. 69
  70. 70
  71. 71
  72. 72
  73. 73
  74. 74
  75. 75
  76. 76
  77. 77
  78. 78
  79. 79
  80. 80
  81. 81
  82. 82
  83. 83
  84. 84
  85. 85
  86. 86
  87. 87
  88. 88
  89. 89
  90. 90
  91. 91
  92. 92
  93. 93
  94. 94
  95. 95
  96. 96
  97. 97
  98. 98
  99. 99
  100. 100
  101. 101
  102. 102
  103. 103
  104. 104
  105. 105
  106. 106
  107. 107
  108. 108
  109. 109
  110. 110
  111. 111
  112. 112
  113. 113
  114. 114
  115. 115
  116. 116
  117. 117
  118. 118
  119. 119
  120. 120
  121. 121
  122. 122
  123. 123
  124. 124
  125. 125
  126. 126
  127. 127
  128. 128
  129. 129
  130. 130
  131. 131
  132. 132
  133. 133
  134. 134
  135. 135
  136. 136
  137. 137
  138. 138
  139. 139
  140. 140
  141. 141
  142. 142
  143. 143
  144. 144
  145. 145
  146. 146
  147. 147
  148. 148
  149. 149
  150. 150

Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 73 Ibhayibhile (XHO96)

ICANDELO LESITHATHU

Ubulungisa bukaThixo

Umhobe ka-Asafu.

1. Ngenene uThixo umphethe kakuhle uSirayeli;ulungile kwabantliziyo zinyulu.

2. Kodwa ke mna suka ndathandabuza,ewe, gcwizi ndityibilike,

3. kuba ndinekhwele ngabaqhayisayo,kukubona inkqubela yabakhohlakeleyo.

4. Kaloku bona abazani nantlungu;baphile bayimiqaba-qaba.

5. Abakhathazwa nto njengabanye abantu;abafunyanwa zizibetho njengabanye.

6. Ngoko ke bagaxel' ikratshi;bathi wambu ugonyamelo.

7. Badumb' amehlo kukutyeba;iintliziyo ziphuphum' ubuqhophololo.

8. Bayangcikiva benentlamba;baziphakamisile basongela ngengcinezelo.

9. Bangcikiva nkqu namazulu;batheth' unothanda emhlabeni.

10. Ke bona abantu bayabamkela;barhorhozela emva kwabo.

11. Bathi: “UThixo ngeke aqonde;uPhezukonke ngeke asibhaqe.”

12. Banjalo ke abakhohlakeleyo;abazihluphi nganto, kodwa bayahluma.

13. Ngani ke ukuba ndiziphathe kakuhle,ndizigcine ndinyulu?

14. Kaloku andahlukani nentlupheko;miso le ndiyohlwaywa.

15. Xa bendithetha kanjalobendingaba ndingcatsha abantu bakho.

16. Ndizamile ukuyiphonononga le nyewe,kodwa suka yayinkinge kum.

17. Ndide ke ndabhenela engcweleni kaThixo,ndacacelwa ke sisiphelo sabo.

18. Ngenene ubabeka emtyibilizini,bawe batshabalale.

19. Ngephanyazo baba nesiphelo esilumezayo,beyela bephanziswa kukunkwantya.

20. Nkosi, banjengephupha ekuphaphameni komntu;ubume balo buyalibaleka akuvuka.

21. Ngokuya ndandibindekile,ndikhathazekile entliziyweni,

22. ndandingaqondi, ndisisidenge;ndandiziphethe njengesilwanyana.

23. Kambe ke ndisoloko ndikuwe;undithe chu ngesandla.

24. Ewe, wena uyandithundeza;kamva ke wondamkelela ewongeni.

25. Ndikholosa ngawe usemazulwini;ungowam nje ke, andilinanze nganto ihlabathi.

26. Umzimba nentliziyo zingade ziphelelwe,wona amandla am nguThixo, ulibango lam naphakade.

27. Abakutyeshelayo baya kubhanga;uyabatshabalalisa abaqhankqalazi.

28. Kum ke kuluyolo ukuba kufuphi kuwe, Thixo.Nkosi yam *Ndikhoyo, ndikhuselwa nguwe,ukuze ndibalise ngemisebenzi yakho.