1. Hayi bo! Mayingabi sithi, *Ndikhoyo;ewe, makudunyiswe igama lakho,ngenxa yezibele nokunyaniseka kwakho!
2. Ngani ukuba iintlanga zide zithi:“Uphi na lo Thixo wabo kakade?”
3. UThixo wethu usemazulwini;yena wenza loo nto ayithandayo.
4. Kanti ke *izithixo zabo ziyisiliva negolide;bazenza ngezandla ngokwabo.
5. Ewe, zinemilomo nje, azithethi;zinawo amehlo, kodwa ziimfama.
6. Nakuba zineendlebe, aziva kodwa;zineempumlo, kodwa azikwazi ukusezela.
7. Ewe, zinezandla ezifileyo;zineenyawo, kodwa azikwazi ukuhamba;imiqala yazo ayikwazi kwenza sandi.
8. Ew', abenzi bazo bofana nazo,bekwanjalo nabo bonke abaqamela ngazo.
9. Ke wena, Sirayeli, kholosa ngoNdikhoyo!Uluncedo nomkhuseli wakho.
10. Nani, ndlu ka-Aron,kholosani ngoNdikhoyo!Uluncedo nomkhuseli wenu.
11. Nabo bonke abamthobelayo uNdikhoyo mabakholose ngaye!Uluncedo nomkhuseli wabo.
12. UNdikhoyo wosithamsanqelisa, kuba uyasazelelela;uya kuyithamsanqela indlu kaSirayeli,ayithamsanqele indlu ka-Aron.
13. Bothamsanqeleka abamthobelayo uNdikhoyo;ewe, nditsho abancinci kwanabakhulu.
14. Ngamana wanandisa uNdikhoyo,nina kunye nezizukulwana zenu.
15. Ngamana wanithamsanqela uNdikhoyoongumenzi wamazulu nehlabathi.
16. Kambe ke wona amazulu ngakaNdikhoyo;ke lona ihlabathi walabela oonyana babantu.
17. Abafileyo abamdumisi uNdikhoyo,bengacingi nâbo behlela kwelabathe cwaka.
18. Kambe ke thina somdumisa uNdikhoyokusukela ngoku kude kuse ephakadeni.Huntshu-u-u! Sithi: “Bayethe, Mhlekazi!”