1. Iziyatha zithi akukho Thixo ngandawo.Zonakele, futhi zenza amasikizi;akukho ulungisayo kuzo.
2. Ke yena *uNdikhoyo ubabukele abantu;uhlel' ezulwini efuna ukuqondaukuba ngaba sikho na isilumko,nditsho ofuna ukunqula uThixo.
3. Kambe ke bonke bemkile,xa bebonke bonakele;kuba akakho olungisayo,nditsho nokuba abe mnye.
4. Abanangqondo na abakhohlakeleyo;abo baxhaphaza amawethu, ngathi batya isonka,bangamnquliyo nokumnqula uNdikhoyo?
5. Baya kunkwantya benkwantyile,kuba uThixo ukunye nâbo bamthobeleyo.
6. Nangona aminxwayo amacebo osizana,nguNdikhoyo olixhadi lalo.
7. Akwaba ingavela eZiyon inkululeko yamaSirayeli,akuba uNdikhoyo eyibuyisile inkqubela yabantu bakhe.AbakwaYakobi baya kugcoba;ewe, ochulumacha amaSirayeli.