1. USirayeli makabalise athi:“Iintshaba zandihlasela kwandiseyimveku.
2. Ewe, zanditshutshisa kwandiselula,kodwa zange zindongamele.
3. Zandixobula umqolo, ndangathi bendilinywa.
4. Kambe ke yena *uNdikhoyo ulilungisa;undikhulule kwiimbophelelo zabakhohlakeleyo.”
5. Bonke abayithiyileyo iZiyon mababuye bephoxekile.
6. Mabafane nengca entshula phezu kwendlu,yona idodobalayo ingakhuli.
7. Ayide isikwe nokusikwa;futhi ayiqokelelwa ibe zizipha.
8. Nabadlulayo abatsho nokutsho ukuthi:“UNdikhoyo makanithamsanqele;thina siyanithamsanqelisa egameni likaNdikhoyo!”