1. Aa! Bayethe, Mhlekazi!Hayi uyolo lomntu omthobelayo *uNdikhoyo,oyilangazelelayo imiyalelo yakhe.
2. Inzala yakhe iya kuba nobungangamsha elizweni;isizukulwana samalungisa sothamsanqeleka.
3. Kweyakhe indlu yindyebo nobutyebi;uya kuhlala esenza ubulungisa.
4. Yena uyawakhanyisela amalungisa;unjengesibane ebumnyameni,kuba unobubele, inceba, nokulunga.
5. Unethamsanqa umntu onika ngesisa,lowo ungayiqhubi ngobuqhetseba imicimbi yakhe.
6. Ilungisa alisoze ligungqe,laye lingasoze lilibaleke.
7. Iindaba ezimbi azilirhwaqelisi;kaloku lomelele, kuba liqamele ngoNdikhoyo.
8. Alitatazeli, laye lingenadyudyu,zide zoyisakale iintshaba zalo.
9. Lona linezinwe kumahlwempu;liya kuhlala lisenza ubulungisa.Ewe, liyahlonitshwa, futhi linesidima.
10. Abangendawo bathi bakuyibona le nto bakhathazeke;bathwal' umlomo bajijitheke bancame.Ewe, iminqweno yabo ayizi nanto.