1. Phulaphulani, nonke zizwe!Yivani, nonke bemi behlabathi!
2. Iindidi zonke maziphulaphule,izityebi ngokunjalo namahlwempu!
3. Ngoku ndiza kuphokoza ubulumko,iingcamango zam zizal' ukuqiqa.
4. Ndiza kujongana nentsonkotha;ndiza kuyichaza ngengoma yehapu.
5. Ndingoyika ntoni ngemihla yobubi,xa ndingqongwe yinkohlakalo yabakhohlisi,
6. abantu abaqamele ngobutyebi,abaqhayisa ngentabalala yobutyebi?
7. Umntu akanako ukusindisa umntu;akanako ukunika uThixo ixabiso lobomi bakhe.
8. Nakanye! Kaloku ixabiso lobomi bomntu likhulu.Alifikeleleki mpela-mpela
9. elo linokumenza abe sisimakade,angaze alibone ingcwaba.
10. Uyabona, kaloku nezilumko ziyafa,izidenge kwanezityhakala!Ubutyebi babushiya kwabakhoyo.
11. Amangcwaba likhaya labo naphakade.Baya kuhlala khona njalo-njalo,nakuba babefudula benemihlaba ebizwa ngabo.
12. Umntu akanako ukukuphepha ukufa ngokuba esisinhanha.Hayi bo! Uyatshabalala njengezilwanyana.
13. Nâso ke isiphelo sabasweli-kuqonda,abo bakhohliswa ziingcinga zabo.
14. Bamiselwe ukufa njengeegusha;bona baxhatshazwa kukufa.Bathi ngqo behlele engcwabeni,onke amathambo abo avuthuluke,kuba kaloku bona abasekho.
15. Ke mna ke, uThixo uya kundikhulula;uya kundihlangula andithathele kuye.
16. Sukuxhala wakubona umntu ehluma,wakubona ubutyebi bakhe bukhula.
17. Akanakuhamba nabo xa afayo;ubutyebi buya kusala ngasemva.
18. Nakuba ebezicingela ukuba wonwabile ngokuya ebesaphila,nokuba ebenconywa ngempumelelo,
19. wohamba aye kuhlala namanyangeangaze abonane nokukhanya.
20. Umntu osisinhanha, kodwa engenangqiqo,uyafana nje nezilwanyana ezi zitshabalalayo.