1. *UNdikhoyo ndiyamthanda, kuba uyandiva;uyasabela ndakuzibika kuye.
2. Njengoko endiphulaphula nje,ndobhenela kuye xa ndisadl' ubomi.
3. Izabatha zokufa zandibhijela,izoyikiso zelabafileyo zandikhonkxa;latsho laxubayela ndangcungcutheka.
4. Ke kaloku ndabhenela kuNdikhoyo, ndathi:“Awu, Ndikhoyo, ndiyakubongoza, ndisindise!”
5. Unesisa kambe uNdikhoyo, ulungile;hayi ke bethu, inceba yoThixo wethu!
6. UNdikhoyo uyabakhusela abaxakiweyo;nam ndandingenamandla wandihlangula.
7. Musa ukuxhalaba, mphefumlo wam,kuba uNdikhoyo undivelele.
8. UNdikhoyo undihlangule ekufeni;yena undosule iinyembezi,wandikhusela andakhubeka.
9. Kungoko ndihamba noNdikhoyokweli lizwe labaphilayo.
10. Ndancekelela, ndathemba,nakuba ndandisithi sendivuthulukile.
11. Ekuncameni ndakhala ndathi:“Abathembekanga kambe abantu.”
12. Yaz'ba ndingambuyisela ngantoni na uNdikhoyongezibele ezingaka andenzele zona?
13. Ndothatha indebe yosindiso,ndibize igama likaNdikhoyo.
14. Izithembiso zam ndozifezekisa kuNdikhoyo;ewe, nditsho phambi kwabantu bakhe.
15. Ayithandeki kambe kuNdikhoyointo yokufa kwabantu bakhe.
16. Awu, Ndikhoyo, ndisisicaka sakho;ewe, ndingunyana wesicakazana sakho;ndilapha nje ndakhululwa nguwe.
17. Ndiya kukwenzela idini lombulelo;ewe, ndobiza igama likaNdikhoyo.
18. Izithembiso zam ndozifezekisa kuye;ewe, nditsho phambi kwabantu bakhe,
19. enkundleni yendlu kaNdikhoyo,kanye phakathi eJerusalem.Huntshu-u-u! Sithi: “Bayethe, Mhlekazi!”