kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34
  35. 35
  36. 36
  37. 37
  38. 38
  39. 39
  40. 40
  41. 41
  42. 42
  43. 43
  44. 44
  45. 45
  46. 46
  47. 47
  48. 48
  49. 49
  50. 50
  51. 51
  52. 52
  53. 53
  54. 54
  55. 55
  56. 56
  57. 57
  58. 58
  59. 59
  60. 60
  61. 61
  62. 62
  63. 63
  64. 64
  65. 65
  66. 66
  67. 67
  68. 68
  69. 69
  70. 70
  71. 71
  72. 72
  73. 73
  74. 74
  75. 75
  76. 76
  77. 77
  78. 78
  79. 79
  80. 80
  81. 81
  82. 82
  83. 83
  84. 84
  85. 85
  86. 86
  87. 87
  88. 88
  89. 89
  90. 90
  91. 91
  92. 92
  93. 93
  94. 94
  95. 95
  96. 96
  97. 97
  98. 98
  99. 99
  100. 100
  101. 101
  102. 102
  103. 103
  104. 104
  105. 105
  106. 106
  107. 107
  108. 108
  109. 109
  110. 110
  111. 111
  112. 112
  113. 113
  114. 114
  115. 115
  116. 116
  117. 117
  118. 118
  119. 119
  120. 120
  121. 121
  122. 122
  123. 123
  124. 124
  125. 125
  126. 126
  127. 127
  128. 128
  129. 129
  130. 130
  131. 131
  132. 132
  133. 133
  134. 134
  135. 135
  136. 136
  137. 137
  138. 138
  139. 139
  140. 140
  141. 141
  142. 142
  143. 143
  144. 144
  145. 145
  146. 146
  147. 147
  148. 148
  149. 149
  150. 150

Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 21 Ibhayibhile (XHO96)

Umbongo woloyiso

Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara.

1. Uyavuya ukumkani ngenxa yamandla akho, *Ndikhoyo,uyachulumacha kuba umnike uloyiso.

2. Umnikile umnqweno wentliziyo yakhe;usivile isicelo sakhe.

3. Umhlangabeze ngeentsikelelo ezingathethekiyo,wamthi jize ngesithsaba segolid' entloko.

4. Wacela ubomi kuwe;wampha ubom' obude obuhlala buhleli.

5. Ufumene imbeko enkulu ngenxa yoncedo lwakho;umnike udumo nobungangamela.

6. Ewe, umnike uyolo olungapheliyo;kwanobukho bakho buyamchwayitisa.

7. Kaloku ukumkani uthembele ngoPhezukonke,yaye ngenxa yenceba kaNdikhoyo uya kuhlal' engukumkani.

8. Zonk' iintshaba zakho uya kuzibhaqa;uya kubafumana bonk' abakuthiyileyo.

9. Úya kubatshisa ngesihogo somlil' akufika;uNdikhoyo wobatshabalalisa ngomsindo, abaqwele ngomlilo.

10. Uya kuyiphelisa inzala yabo ehlabathini,bangabikho abantwana babo phakathi kwabantu.

11. Nokuba bayila ububi ngawe,nokuba benza iyelenqe,abanakuphumelela.

12. Kaloku úya kubadubula ebusweni ngeentolo zakhe,abachithe babe ziintsalu.

13. Mawubongwe, Ndikhoyo, ngenxa yobugorha bakho;thina sokubonga sikudumise ngenxa yamandla akho.