kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34
  35. 35
  36. 36
  37. 37
  38. 38
  39. 39
  40. 40
  41. 41
  42. 42
  43. 43
  44. 44
  45. 45
  46. 46
  47. 47
  48. 48
  49. 49
  50. 50
  51. 51
  52. 52
  53. 53
  54. 54
  55. 55
  56. 56
  57. 57
  58. 58
  59. 59
  60. 60
  61. 61
  62. 62
  63. 63
  64. 64
  65. 65
  66. 66
  67. 67
  68. 68
  69. 69
  70. 70
  71. 71
  72. 72
  73. 73
  74. 74
  75. 75
  76. 76
  77. 77
  78. 78
  79. 79
  80. 80
  81. 81
  82. 82
  83. 83
  84. 84
  85. 85
  86. 86
  87. 87
  88. 88
  89. 89
  90. 90
  91. 91
  92. 92
  93. 93
  94. 94
  95. 95
  96. 96
  97. 97
  98. 98
  99. 99
  100. 100
  101. 101
  102. 102
  103. 103
  104. 104
  105. 105
  106. 106
  107. 107
  108. 108
  109. 109
  110. 110
  111. 111
  112. 112
  113. 113
  114. 114
  115. 115
  116. 116
  117. 117
  118. 118
  119. 119
  120. 120
  121. 121
  122. 122
  123. 123
  124. 124
  125. 125
  126. 126
  127. 127
  128. 128
  129. 129
  130. 130
  131. 131
  132. 132
  133. 133
  134. 134
  135. 135
  136. 136
  137. 137
  138. 138
  139. 139
  140. 140
  141. 141
  142. 142
  143. 143
  144. 144
  145. 145
  146. 146
  147. 147
  148. 148
  149. 149
  150. 150

Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 145 Ibhayibhile (XHO96)

Ingoma yokudumisa

Elokudumisa; umhobe kaDavide.

1. Ndiya kukuncoma, Thixo ongukumkani wam;igama lakho ndolibonga nanini nanini.

2. Ndiya kukubulela mihla le;igama lakho ndolidumisa kude kuse ephakadeni.

3. Ngenene *uNdikhoyo yingangalala, ufanele ukudunyiswa;obakhe ubukhulu abuphengululeki.

4. Isizukulwana siya kubalisela esilandelayo ngemisebenzi yakho;siya kuzibhengeza izigigaba zakho kwisizukulwana esilandelayo.

5. Ndiya kucamngca ngemisebenzi yakho emangalisayo,nesidima sobuqaqawuli bobungangamsha bakho.

6. Abantu baya kububhengeza ubukhulu bezenzo zakho ezikhwankqisayo,ndaye ndiya kububabaza ubukhulu bakho.

7. Baya kuluxela udumo lokulunga kwakho;ewe, baya kutsholoza bencoma ubulungisa bakho.

8. UNdikhoyo unesisa, yaye enovelwano.Yena unomonde; uyimvuze-mvuze bububele.

9. UNdikhoyo uyabalungiselela bonke abantu;unemfobe ngazo zonke izinto azenzileyo.

10. Zonke izinto ozenzileyo ziya kudomboza zibulele, Ndikhoyo;imilowo yakwakho iya kukudumisa.

11. Baya kuyibhengeza indili nesidima solawulo lwakho;amandla akho aya kuba ngundaba-mlonyeni,

12. ukuze uluntu luzazi izigigaba ozenzileyokwanesidima nobuqaqawuli bolawulo lwakho.

13. Ulawulo lwakho alunamida yasiphelo;ubukhosi bakho bozityhutyha zonke izizukulwana.Ilizwi alithethileyo uNdikhoyo alidliwa nja,yaye unesisa kuko konke akwenzileyo.

14. UNdikhoyo uyabaxhasa bonke abagqush' eluthulini,abaphakamise bonke abathobekileyo.

15. Iinto zonke zikhangela kuye ngethemba,ke yena uyazondla ngexesha elililo.

16. Ewe, yena zivulekile izandla zakhe,izinto zonke uyazanelisa ngokweentswelo zazo.

17. UNdikhoyo ulilungisa ngeendlela zonke,unobubele kuko konke akwenzayo.

18. UNdikhoyo ukufuphi kwabo babhenela kuye,kwabo bamfuna benyanisekile.

19. Uyabahlangabeza abo bamhlonelayo;uyasabela bakuzibika, abahlangule.

20. UNdikhoyo uyabalondoloza abo bamthandayo;ke bona abakhohlakeleyo uya kubatshabalalisa.

21. UNdikhoyo ndiya kusoloko ndimdumisa.Mazimdumise zonke izidalwa,zilincome igama lakhe elihloniphekileyo;ewe, kude kube ngunaphakade.