1. Amehlo am ndiwajongis' enkalweni;yaz'ba lovela ngaphi na uncedo lwam?
2. Umncedi wam *nguNdikhoyo,yena ungumenzi wamazulu nehlabathi.
3. Yena wondibamba lungatyibiliki unyawo lwam;kaloku akozeli, walusa mna.
4. Khangela, umalusi kaSirayeli akozeli,engalali nokulala oku.
5. Kaloku nguNdikhoyo okwalusayo –nguye okwenzela umthunzi.
6. Emini ilanga aliyi kukugqatsa;kanti ke nenyanga ebusuku ayinakukwenza nto.
7. NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek' umoya;ewe, uya kukwalusa ungachukunyiswa nto.
8. Ngenene, uNdikhoyo uya kukwalusa,xa uhambayo naxa ubuyayo,kuqalela ngoku kude kube nini-nini.