1. *Ndikhoyo, ndikhangela kuwe,wena ohlala emazulwini.
2. Kaloku namaphakathi ajonga izinwe zenkosi yawo,nanjengokuba namaphakathikazi elindele izinwe kwinkosazana.Nathi ke senjenjalo ukukhangela kuwe, Ndikhoyo Thixo wethu,ude wena usenzele inceba.
3. Awu, Ndikhoyo, sikwa yimfesane;velana nathi, siyakubongoza!Koda kube nini sisisigculelo?
4. Ewe, kudala sinyamezele, sigxijwa ngabazingcayo,sidodotyaliswa ngabacinezeli abanekratshi.