kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34
  35. 35
  36. 36
  37. 37
  38. 38
  39. 39
  40. 40
  41. 41
  42. 42
  43. 43
  44. 44
  45. 45
  46. 46
  47. 47
  48. 48
  49. 49
  50. 50
  51. 51
  52. 52
  53. 53
  54. 54
  55. 55
  56. 56
  57. 57
  58. 58
  59. 59
  60. 60
  61. 61
  62. 62
  63. 63
  64. 64
  65. 65
  66. 66
  67. 67
  68. 68
  69. 69
  70. 70
  71. 71
  72. 72
  73. 73
  74. 74
  75. 75
  76. 76
  77. 77
  78. 78
  79. 79
  80. 80
  81. 81
  82. 82
  83. 83
  84. 84
  85. 85
  86. 86
  87. 87
  88. 88
  89. 89
  90. 90
  91. 91
  92. 92
  93. 93
  94. 94
  95. 95
  96. 96
  97. 97
  98. 98
  99. 99
  100. 100
  101. 101
  102. 102
  103. 103
  104. 104
  105. 105
  106. 106
  107. 107
  108. 108
  109. 109
  110. 110
  111. 111
  112. 112
  113. 113
  114. 114
  115. 115
  116. 116
  117. 117
  118. 118
  119. 119
  120. 120
  121. 121
  122. 122
  123. 123
  124. 124
  125. 125
  126. 126
  127. 127
  128. 128
  129. 129
  130. 130
  131. 131
  132. 132
  133. 133
  134. 134
  135. 135
  136. 136
  137. 137
  138. 138
  139. 139
  140. 140
  141. 141
  142. 142
  143. 143
  144. 144
  145. 145
  146. 146
  147. 147
  148. 148
  149. 149
  150. 150

Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 132 Ibhayibhile (XHO96)

Umhobe wendlu kaThixo

Iculo labahambi.

1. Awu, *Ndikhoyo, mkhumbule uDavidengawo onke amasuka-ndihlale akhe,

2. nesifungo awakwenzela sona, Ndikhoyo,eso akuthembise ngaso, Ngangalala yakwaYakobi.

3. Wathi: “Andisayi kugoduka, ndingasayi kulala,

4. ngenene andisoze ndiwavale amehlo,ndingasoze ndibuthurhe ubuthongo,

5. ndingamakhelanga umzi uNdikhoyo,nditsho ikhaya lengangalala kaYakobi.”

6. Ewe, seva ngaloo mnqophiso e-Efrata,sagagana nawo kumathafa aseYeharim, sathi:

7. “Masiye kuye ebhotwe;masiye kumnqula simkhahlele.”

8. Ndikhoyo, khawuye endaweni yakho yokuphumla,wena ndawonye netyesi yomnqophiso;nditsho leyo ingumqondiso wamandla akho.

9. Ababingeleli mabavathe ubulungisa,abantu bakho batsholoze ngovuyo.

10. Ngenxa yesicaka sakho uDavideungamfulatheli umthanjiswa wakho.

11. Kaloku, Ndikhoyo, wamenzela isifungo uDavide,futhi ke soze usijike, usithi:“Omnye koonyana besinqe sakhondiya kumthambisa abe ngukumkani,angene esikhundleni sakho.

12. Ukuba ke bathe bawugcinaumnqophiso lo oonyana bakho,kwanemimiselo endibafundisa yona,noonyana babo bolawula,bachophe esikhundleni sakho ngonaphakade.”

13. Kaloku uNdikhoyo uyinyule iZiyon;uyikhethele ukuba ibe likhaya lakhe, esithi:

14. “Eli likhaya lam lokuphumla naphakade;ndiya kuma apha ngokomnqweno wam.

15. Ndiya kuyithi jize ngentabalala yendyebo;abahlelelekileyo ndiya kubondla.

16. Ababingeleli bovatha usindiso,abantu bam batsholoze ngemihlali.

17. Kuya kuvela omnye kubazukulwana bakaDavide;ndiya kuwugcina umlibo womthanjiswa wam.

18. Iintshaba zakhe ndozigalela ngehlazo;ke olwakhe ulawulo loba nesidima nenkqubela.”