1. Awu, Thixo, usilahlile!Ngoku sitsho soyisakala.Wena usivelele ngomsindo.Nceda, khawube nebuyambo.
2. Wena uwunyikimisile umhlaba;wona utsho wazama-zama; kungokunje uyaqhaqhazela.Nceda ungcibe ezo ntanda.
3. Abantu bakho ubavise inkxwaleko;ewe, usitsho sazizinxada-nxada.
4. Ubanike intshinga abakuhlonelayo;ubahluphezile ukuze bazuze uloyiso.
5. Nceda ngamandla akho usivelele,ukuze basinde abo ubathandayo.
6. UThixo uthethe *esesibingelelweni sakhe,wathi: “IShekem ndiyayahlula-hlula,ngoloyiso ndiyayihlahlela;intili yeSukoti yona ndiyibenge.
7. IGiliyadi yeyam, noManase ngowam.UEfrayim lelona xhadi lam;uJuda ngumsimbithi wam.
8. UMowabhi yintili yam yebhongo;ke yena uEdom ndiyambanga.EFilistiya ndikhwaza uloyiso.”
9. Ngubani onokundisa emzini oxhotyisiweyo?Ngubani onokundisa e-Edom?
10. Noko usilahlile, Thixo.Awusaphumi nemikhosi yethu.
11. Sincedise ezintshabeni zethu:kaloku olomntu uncedo luphuthile.
12. Ukuba uThixo ungakuthi siya kuphumelela;uya kuzinyhasha iintshaba zethu.