1. *UNdikhoyo ungukumkani;uthe wambu isihomo nesithozela namandla.Ewe, ulimise zinzi ihlabathi, aligungqi.
2. Isihlalo sakho, Ndikhoyo,sasekwa kwantlandlolo;wena wawukho kwanini-nini.
3. Iyagquma imilambo, Ndikhoyo,ivakalisa isandi sayo;iyavakala imigqumo yayo.
4. UNdikhoyo yingangalala yaphezulu;unamandla kunamaza alephuzayo,nangaphezu kwamaza agqumayo.
5. Imiqondiso yakho ayiguquki, Ndikhoyo;iyingcwele ngenene indlu yakho, Ndikhoyo,kuya kuda kube nini-nini.