1. *UNdikhoyo mkhulu kakhulu;masimbonge simdumise,esixekweni sikaThixo wethu, entabeni yakhe engcwele.
2. Ngamalengalenga, ikwayinzwakazi,izisa imihlali kwihlabathi jikelele.Ewe, leyo yiNtaba iZiyon.Emantla emalandalahlasilaph' isixeko sengangalala yokumkani.
3. Kanye kwezo zakhiwo zinendili uThixo uzibalule,yena nqaba ingafikelelwayo.
4. Nâzo izikumkani zihlanganisana;nâzo zidibana zimanyana.
5. Kambe zithe zakuyalama, zasuka zamangaliswa,zasuka zankwantya, zasaba zingabhungisanga.
6. Ngoko nangoko zahlaselwa kukungcangcazela,zatsho zazibhija-bhija njengonenimba.
7. Iinqanawa zaseTashishewena wazintlitha ngomoya wasempuma.
8. Sivile, futhi ngoku siziboneleesixekweni sikaNdikhoyo uSomandla.Nditsho isixeko sikaThixo wethu,isixeko asizinzise unaphakade uThixo.
9. Phakathi endlwini yakho, Thixo,siyakwetyisa ukubalasela kothando lwakho.
10. Ukudunyiswa kwakho, Thixo,kukwanjengegama lakho,kuthi xhaxhe ngeziphelo zehlabathi.Ulawulo lwakho lunobulungisa.
11. Mabavuye abemi beNtaba iZiyon;mazidlokove izixeko zelakwaJuda.Kaloku kulungile ukugweba kwakho.
12. Khanihamba-hambe nijikeleze iZiyon;zibaleni iinqaba zayo eziphakamileyo.
13. Ewe, zigqaleni iindonga zayo.Khanizihlole izakhiwo zayo,ukuze nibalisele izizukulwana.
14. Ewe, yena uThixo nguThixo wethu, ngoku nanini na.Yena uya kusikhapha kude kuse ephakadeni.