kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34
  35. 35
  36. 36
  37. 37
  38. 38
  39. 39
  40. 40
  41. 41
  42. 42
  43. 43
  44. 44
  45. 45
  46. 46
  47. 47
  48. 48
  49. 49
  50. 50
  51. 51
  52. 52
  53. 53
  54. 54
  55. 55
  56. 56
  57. 57
  58. 58
  59. 59
  60. 60
  61. 61
  62. 62
  63. 63
  64. 64
  65. 65
  66. 66
  67. 67
  68. 68
  69. 69
  70. 70
  71. 71
  72. 72
  73. 73
  74. 74
  75. 75
  76. 76
  77. 77
  78. 78
  79. 79
  80. 80
  81. 81
  82. 82
  83. 83
  84. 84
  85. 85
  86. 86
  87. 87
  88. 88
  89. 89
  90. 90
  91. 91
  92. 92
  93. 93
  94. 94
  95. 95
  96. 96
  97. 97
  98. 98
  99. 99
  100. 100
  101. 101
  102. 102
  103. 103
  104. 104
  105. 105
  106. 106
  107. 107
  108. 108
  109. 109
  110. 110
  111. 111
  112. 112
  113. 113
  114. 114
  115. 115
  116. 116
  117. 117
  118. 118
  119. 119
  120. 120
  121. 121
  122. 122
  123. 123
  124. 124
  125. 125
  126. 126
  127. 127
  128. 128
  129. 129
  130. 130
  131. 131
  132. 132
  133. 133
  134. 134
  135. 135
  136. 136
  137. 137
  138. 138
  139. 139
  140. 140
  141. 141
  142. 142
  143. 143
  144. 144
  145. 145
  146. 146
  147. 147
  148. 148
  149. 149
  150. 150

Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 39 Ibhayibhile (XHO96)

Isililo somntu onomva-ndedwa

Umhobe kaDavide; kuJedutun umbhexeshi-kwayara.

1. Ndathi: “Ndiya kuzilumkela iindlela zam,ndingoni ngokuthetha,ndilubambe ulwimi lwam xa ndiphakathi kwamatshijolo.”

2. Ndathi cwaka, andathetha nto.Ukuthula kwam akuncedanga nto,kodwa noko yona inkxwaleko yathath' unyawo.

3. Ndavalwa luvalo ndisacamanga,ndavukwa ngumva-ndedwa,ndavakala ndibuza ndisithi:

4. “*Ndikhoyo, ndazise isiphelo sobomi bamnenani lemihla yokuphila kwam.Ewe, ndazise ubufutshane bobomi bam.

5. Kaloku imihla yam uyicuthe kakhulu;àyinto konke kuwe imihla yobomi bam;umntu ufana nomphunga nje kuwe.

6. Uhla enyuke njengesithunzi silandelelana nomntu;ubila esoma nje ngenxa yelize;uqweba indyebo engazi nokuba yoba yekabani na.

7. “Xa kunjalo ke, Nkosi, mna ndikholose ngantoni?Elam ithemba likuwe.

8. Ndikhulule kuzo zonke izono zam,ndingade ndihlekwe nazizidenge.

9. Ndiya kuthi cwaka, ndingathethi,kuba nguwe ondifake kule meko.

10. Mus' ukuba sandohlwaya;mus' ukundinkula ndide ndenzakale.

11. Ngokumohlwaya umntu, umbonisa isono.Uyidlavula njengenundu loo nto ayithandayo.Ewe, kambe, umntu ufana nomphunga nje kuwe.

12. “Ndikhoyo, wubazel' iindlebe umthandazo wam;ndive, ndakuzibika kuwe.Ungàthi cwaka xa ndikhala kuwe,kuba ndiselugcinweni lwakho,nam ndisisibhadu-bhadu njengookhokho.

13. Khawundenzele umnyinyivana, khe ndiphefumle,ngoku ndingekemki kweli hlabathi.”