1. Thixo wam endimncomayo,ngani ukuba uthi cwaka,
2. ndimangalelwa nje zizikhohlakali namaxoki?Kaloku bona bandirhintyela ngobuxoki;
3. bathetha izinto ezimasikizi ngam;bandihlasela ndingenzanga nto.
4. Ndandibathanda ndibathandazela,kodwa bandibuyekeza ngokundityhola.
5. Ukulunga kwam bakubuyekeza ngobubi;uthando lwam balubuyekeza ngentiyo.
6. Mmisele isibhoja lo mfo;misa ofana naye ematyaleni.
7. Ematyaleni makafunyaniswe onile,nomthandazo wakhe mawumgwebe.
8. Imihla yakhe mayinqanyulwe;indawo yakhe mayithathwe ngomnye.
9. Abantwana bakhe mababe ziinkedama,umfazi wakhe abe ngumhlolokazi.
10. Abantwana bakhe mababe zizibhadu-bhadu ezingqibayo;mabajikeleze bazingele ukutya nasemabhodlweni.
11. Ombamba ulutho wanga angamthimba;amandla akhe makaxhatshazwe ngabasemzini.
12. Ngamana akungebikho bani uvelana naye,angabikho ozisizelayo ezo nkedama.
13. Ngamana yaphanza nenzala yakhe,igama lakhe lingaphindi likhankanywe.
14. Ngamana wabuxhiba *uNdikhoyo ububi booyise,buhlale phambi kwakhe nobubi bukanina.
15. Ngamana wabugcina njalo uNdikhoyo obu bubi;igama lakhe malicime kuthi tu emhlabeni.
16. Kaloku lo mntu zange abakhathalele abahlelekileyo nabaxakekileyo,koko wabadobelela abacinezelwa.
17. Wayengumqalekisi, naye ke makaqalekiswe;zange athamsanqele, naye ke makangakuzuzi.
18. Ukuqalekisa wayekunxiba njengempahla:makuthi nca emzimbeni njengamanzi;makugqobhozele emathanjeni njengamafutha.
19. Ewe, makube njengengubo ayambathayo;mihla le makube yibhanti ayibhinqayo.
20. Ndikhoyo, esi mayibe sisohlwayo sâbo bandimangalelayo,abo bathetha kakubi ngam.
21. Kodwa ke, Mhlekazi Ndikhoyo,ndivelele ngenxa yegama lakho;ndihlangule ngenxa yezibele zakho.
22. Kaloku ndihlelelekile, ndixakekile;futhi ke ndixhelekile.
23. Ndithe shwaka ngokwesithunzi samarhatya;ndivuthuluke ngokwesinambuzane.
24. Nditsho ndanengevane kukungatyi;andibhityanga, ndingumcinga!
25. Iintshaba zam ziphoxisa ngam;zakundibona zihlunguzel' intloko.
26. Khawundincede, Ndikhoyo Thixo wam;ndisindise ngokwezo zibele zakho!
27. Khawubethe baqonde ukuba nguwe lo,nguwe ondihlangulayo, Ndikhoyo.
28. Mabathi bendiqalekisa nje, ube wena undithamsanqela;bathi ntimfa ngehlazo abo bandihlaselayo.Mna ke sicaka mandiphuphume yimincili.
29. Abandimangalelayo mabavathe ihlazo;ewe, mabalithi wambu oku komnweba.
30. Ndiya kubhomboloza ndidumisa uNdikhoyo;ndiya kumncoma phakathi kwezihlwele;
31. kuba yena uyamxhasa ohlelelekileyo,amhlangule kwabo bamsingela phantsi.