kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34
  35. 35
  36. 36
  37. 37
  38. 38
  39. 39
  40. 40
  41. 41
  42. 42
  43. 43
  44. 44
  45. 45
  46. 46
  47. 47
  48. 48
  49. 49
  50. 50
  51. 51
  52. 52
  53. 53
  54. 54
  55. 55
  56. 56
  57. 57
  58. 58
  59. 59
  60. 60
  61. 61
  62. 62
  63. 63
  64. 64
  65. 65
  66. 66
  67. 67
  68. 68
  69. 69
  70. 70
  71. 71
  72. 72
  73. 73
  74. 74
  75. 75
  76. 76
  77. 77
  78. 78
  79. 79
  80. 80
  81. 81
  82. 82
  83. 83
  84. 84
  85. 85
  86. 86
  87. 87
  88. 88
  89. 89
  90. 90
  91. 91
  92. 92
  93. 93
  94. 94
  95. 95
  96. 96
  97. 97
  98. 98
  99. 99
  100. 100
  101. 101
  102. 102
  103. 103
  104. 104
  105. 105
  106. 106
  107. 107
  108. 108
  109. 109
  110. 110
  111. 111
  112. 112
  113. 113
  114. 114
  115. 115
  116. 116
  117. 117
  118. 118
  119. 119
  120. 120
  121. 121
  122. 122
  123. 123
  124. 124
  125. 125
  126. 126
  127. 127
  128. 128
  129. 129
  130. 130
  131. 131
  132. 132
  133. 133
  134. 134
  135. 135
  136. 136
  137. 137
  138. 138
  139. 139
  140. 140
  141. 141
  142. 142
  143. 143
  144. 144
  145. 145
  146. 146
  147. 147
  148. 148
  149. 149
  150. 150

Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 109 Ibhayibhile (XHO96)

Isikhalazo somntu osengxakini

Kumbhexeshi-kwayara; umhobe kaDavide.

1. Thixo wam endimncomayo,ngani ukuba uthi cwaka,

2. ndimangalelwa nje zizikhohlakali namaxoki?Kaloku bona bandirhintyela ngobuxoki;

3. bathetha izinto ezimasikizi ngam;bandihlasela ndingenzanga nto.

4. Ndandibathanda ndibathandazela,kodwa bandibuyekeza ngokundityhola.

5. Ukulunga kwam bakubuyekeza ngobubi;uthando lwam balubuyekeza ngentiyo.

6. Mmisele isibhoja lo mfo;misa ofana naye ematyaleni.

7. Ematyaleni makafunyaniswe onile,nomthandazo wakhe mawumgwebe.

8. Imihla yakhe mayinqanyulwe;indawo yakhe mayithathwe ngomnye.

9. Abantwana bakhe mababe ziinkedama,umfazi wakhe abe ngumhlolokazi.

10. Abantwana bakhe mababe zizibhadu-bhadu ezingqibayo;mabajikeleze bazingele ukutya nasemabhodlweni.

11. Ombamba ulutho wanga angamthimba;amandla akhe makaxhatshazwe ngabasemzini.

12. Ngamana akungebikho bani uvelana naye,angabikho ozisizelayo ezo nkedama.

13. Ngamana yaphanza nenzala yakhe,igama lakhe lingaphindi likhankanywe.

14. Ngamana wabuxhiba *uNdikhoyo ububi booyise,buhlale phambi kwakhe nobubi bukanina.

15. Ngamana wabugcina njalo uNdikhoyo obu bubi;igama lakhe malicime kuthi tu emhlabeni.

16. Kaloku lo mntu zange abakhathalele abahlelekileyo nabaxakekileyo,koko wabadobelela abacinezelwa.

17. Wayengumqalekisi, naye ke makaqalekiswe;zange athamsanqele, naye ke makangakuzuzi.

18. Ukuqalekisa wayekunxiba njengempahla:makuthi nca emzimbeni njengamanzi;makugqobhozele emathanjeni njengamafutha.

19. Ewe, makube njengengubo ayambathayo;mihla le makube yibhanti ayibhinqayo.

20. Ndikhoyo, esi mayibe sisohlwayo sâbo bandimangalelayo,abo bathetha kakubi ngam.

21. Kodwa ke, Mhlekazi Ndikhoyo,ndivelele ngenxa yegama lakho;ndihlangule ngenxa yezibele zakho.

22. Kaloku ndihlelelekile, ndixakekile;futhi ke ndixhelekile.

23. Ndithe shwaka ngokwesithunzi samarhatya;ndivuthuluke ngokwesinambuzane.

24. Nditsho ndanengevane kukungatyi;andibhityanga, ndingumcinga!

25. Iintshaba zam ziphoxisa ngam;zakundibona zihlunguzel' intloko.

26. Khawundincede, Ndikhoyo Thixo wam;ndisindise ngokwezo zibele zakho!

27. Khawubethe baqonde ukuba nguwe lo,nguwe ondihlangulayo, Ndikhoyo.

28. Mabathi bendiqalekisa nje, ube wena undithamsanqela;bathi ntimfa ngehlazo abo bandihlaselayo.Mna ke sicaka mandiphuphume yimincili.

29. Abandimangalelayo mabavathe ihlazo;ewe, mabalithi wambu oku komnweba.

30. Ndiya kubhomboloza ndidumisa uNdikhoyo;ndiya kumncoma phakathi kwezihlwele;

31. kuba yena uyamxhasa ohlelelekileyo,amhlangule kwabo bamsingela phantsi.