kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34
  35. 35
  36. 36
  37. 37
  38. 38
  39. 39
  40. 40
  41. 41
  42. 42
  43. 43
  44. 44
  45. 45
  46. 46
  47. 47
  48. 48
  49. 49
  50. 50
  51. 51
  52. 52
  53. 53
  54. 54
  55. 55
  56. 56
  57. 57
  58. 58
  59. 59
  60. 60
  61. 61
  62. 62
  63. 63
  64. 64
  65. 65
  66. 66
  67. 67
  68. 68
  69. 69
  70. 70
  71. 71
  72. 72
  73. 73
  74. 74
  75. 75
  76. 76
  77. 77
  78. 78
  79. 79
  80. 80
  81. 81
  82. 82
  83. 83
  84. 84
  85. 85
  86. 86
  87. 87
  88. 88
  89. 89
  90. 90
  91. 91
  92. 92
  93. 93
  94. 94
  95. 95
  96. 96
  97. 97
  98. 98
  99. 99
  100. 100
  101. 101
  102. 102
  103. 103
  104. 104
  105. 105
  106. 106
  107. 107
  108. 108
  109. 109
  110. 110
  111. 111
  112. 112
  113. 113
  114. 114
  115. 115
  116. 116
  117. 117
  118. 118
  119. 119
  120. 120
  121. 121
  122. 122
  123. 123
  124. 124
  125. 125
  126. 126
  127. 127
  128. 128
  129. 129
  130. 130
  131. 131
  132. 132
  133. 133
  134. 134
  135. 135
  136. 136
  137. 137
  138. 138
  139. 139
  140. 140
  141. 141
  142. 142
  143. 143
  144. 144
  145. 145
  146. 146
  147. 147
  148. 148
  149. 149
  150. 150

Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 45 Ibhayibhile (XHO96)

Iindonga ziwelen' ebhotwe

Kumbhexeshi-kwayara; ingoma yomtshato; eyoonyana bakwaKora. Iculwa ngathi yileya ithi: “Iinyibiba.”

1. Intliziyo yam suke yaphuphuma;kuthi mandibonge ndityibele.Ulwimi lwam lona luqule lwaligangatha,ndanga ndingumbhali ongenadyudyu.Kaloku ndingqungel' ukubhekisa kuMntwan' omhle.

2. Kubo bonke wen' uyinzwan' engenasiphako;uliciko elicikoza kuvokotheke.Kaloku uThixo ukuthamsanqelengezingaphele ndawo iintsikelelo.

3. Yithi hlas' ikrel' uqule, Somagorha!Qula ngesidima nobungangamsha!

4. Nyantsul' uye kuqhawuk' unobathana!Qula uyilwele inyaniso nobulungisa!Ngobungangamsha bakho dubula ugeqa!

5. Iintolo zakho zibukhali;ziyazihlabanisela iintshaba zakho,izizwe zitsho zibe phantsi kwakho.

6. Kambe ulawulo lwakho, Thixo, aluphele ndawo;owakho umsimbithi ngowobulungisa.

7. Ungumathand' ubulungisa; uyithiyil' inkohlakalo.Ngenxa yaloo nto ke, Thixo,uThixo wakho ukuthambisile.Ewe, ukuthe jize ngesihomo nesithozelaesisigqwesayo esoogxa bakho.

8. Iminweba yakho iqholwe ngomtsalanewemore, ikhala, nekasiya.Kwizixeko ezihonjiswe ngamabamba eendlovuwonwatyiswa ngezeentambula.

9. Phakathi kwezo zikuphahlileyozikho neentombi zookumkani.Kufuphi nawe kuthe zinzi inkosazanaethe thande ecikiziweyo igolide yaseOfire.

10. Khawundiphe iindlebe, uphulaphule, ntombam.Uze ulincame ikhaya, ngokunjalo nendlu kayihlo.

11. Kaloku wena uyinzwakazi;ke yena ukumkani uyakulangazelela.Phofu ke yena ungumhlekazi, ngoko ke wena mthobele.

12. Wena ntombi yaseTire, baya kukucenga bakunyobe;ewe, izinhanha ngeendidi zonke zobutyebi.

13. Phaya entangeni bubuyokoyoko,inkosazana ivath' ezegolide.

14. Nantso irhuqisa ngamawezaweza,irholwa isiwa kukumkani.Nâzo neentombi eziyikhaphileyoziyiphahlile zisiya nayo kuye.

15. Ziyaduda, ziyavuya, ziyamemelela;tsotsololo zagaleleka ebhotwe!

16. Ngxatsho ke, mntwan' omhle!Ezihlangwini zooyihlo kuya kungena abakho oonyana.Wena uya kubathi jize ngobungangamsha,babe zizinxiba-mxhaka ehlabathini liphela.

17. Ke mna ndiya kulubhengeza udumo lwegama lakho.Uya kudunyiswa zizizukulwana ziphela.Ewe, zonke izizwe ziya kutyibela,zikubonga kude kube ngunaphakade.