kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34
  35. 35
  36. 36
  37. 37
  38. 38
  39. 39
  40. 40
  41. 41
  42. 42
  43. 43
  44. 44
  45. 45
  46. 46
  47. 47
  48. 48
  49. 49
  50. 50
  51. 51
  52. 52
  53. 53
  54. 54
  55. 55
  56. 56
  57. 57
  58. 58
  59. 59
  60. 60
  61. 61
  62. 62
  63. 63
  64. 64
  65. 65
  66. 66
  67. 67
  68. 68
  69. 69
  70. 70
  71. 71
  72. 72
  73. 73
  74. 74
  75. 75
  76. 76
  77. 77
  78. 78
  79. 79
  80. 80
  81. 81
  82. 82
  83. 83
  84. 84
  85. 85
  86. 86
  87. 87
  88. 88
  89. 89
  90. 90
  91. 91
  92. 92
  93. 93
  94. 94
  95. 95
  96. 96
  97. 97
  98. 98
  99. 99
  100. 100
  101. 101
  102. 102
  103. 103
  104. 104
  105. 105
  106. 106
  107. 107
  108. 108
  109. 109
  110. 110
  111. 111
  112. 112
  113. 113
  114. 114
  115. 115
  116. 116
  117. 117
  118. 118
  119. 119
  120. 120
  121. 121
  122. 122
  123. 123
  124. 124
  125. 125
  126. 126
  127. 127
  128. 128
  129. 129
  130. 130
  131. 131
  132. 132
  133. 133
  134. 134
  135. 135
  136. 136
  137. 137
  138. 138
  139. 139
  140. 140
  141. 141
  142. 142
  143. 143
  144. 144
  145. 145
  146. 146
  147. 147
  148. 148
  149. 149
  150. 150

Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 10 Ibhayibhile (XHO96)

Ukucela uncedo

1. Yini na, *Ndikhoyo? Wachasela?Kutheni? Wazifihla ngexesha longxunguphalo?

2. Abantw' abagwenxa banolunya;bayabaleqa ababuthathaka.Mabarhintyelwe kwangaloo mayelenqe abo.

3. Bayazidla ngaloo magugwana abo,bazicengezele konempumelelo,bamdele uNdikhoyo.

4. Libathe lwale ikratshi abantw' abagwenxa;bade bazikhohlise ngokuthi: “Akukho Thixo ngandawo!”

5. Zinempumelelo zonk' iinzame zabo,kodwa imiyalelo yakho ikude lee kubo.Bayazeya zonke iintshaba zabo.

6. Baziqhayisa ngokuthi abasoze boyiswe nto bona,abasoze balibone ishwangusha.

7. Umlomo wabo mbi, uzel' izishwabulo, ubuxoki, nezisongelo;basoloko beceba ububi nobutshinga.

8. Bahamba bencathama ngezindlu ezixekweni,bezungul' ukugwint' abantw' abangenatyala,balalel' abantw' abangenakuzikhusela.

9. Bazimel' engontsini, baxel' ingonyama,ilalel' ixhoba elingumnt' oludwayi;xhakamfu bambambise ngomgibe wabo!

10. Nal' olo sizana lungen' esigwini lusoyisakala.

11. Bathi xa bezikhohlisa: “UThixo akakhathali;akahoyanga nto; akasoz' aqonde.”

12. Lamla, Ndikhoyo; caca ukuba unguThixo!Sukubalibal' abantw' abahlelelekileyo!

13. Kungani bekudela nje abantw' abagwenxa?Kutheni le nto bade bathi: “Akukho nt' aya kuyenza loo Thixo”?

14. Ewe, wena uzijongile wazibona iintlupheko neentsizi,khon' ukuze ulungele ukusisiza.Ewe, zibalekela kuwe nazo iindwayi,wena ongumncedi weenkedama.

15. Zaphul' iimpondo ke izikrelemnqa nabantw' abagwenxa;bohlwaye ide iphele nya inkohlakalo yabo.

16. Ngukumkani uNdikhoyo kuya kude kube nini-nini.Zobhanga ziphele nya emhlabeni iintshaba zakhe.

17. Ndikhoyo, uyaziva izicelo zabantw' abathobekileyo;uyabavuselela, uziphendule izicelo zabo.

18. Iinkedama nabacinezelweyo uyabaqwebela,khon' ukuze oonyana babantu bangagrogrisi mntu ehlabathini.