kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34
  35. 35
  36. 36
  37. 37
  38. 38
  39. 39
  40. 40
  41. 41
  42. 42
  43. 43
  44. 44
  45. 45
  46. 46
  47. 47
  48. 48
  49. 49
  50. 50
  51. 51
  52. 52
  53. 53
  54. 54
  55. 55
  56. 56
  57. 57
  58. 58
  59. 59
  60. 60
  61. 61
  62. 62
  63. 63
  64. 64
  65. 65
  66. 66
  67. 67
  68. 68
  69. 69
  70. 70
  71. 71
  72. 72
  73. 73
  74. 74
  75. 75
  76. 76
  77. 77
  78. 78
  79. 79
  80. 80
  81. 81
  82. 82
  83. 83
  84. 84
  85. 85
  86. 86
  87. 87
  88. 88
  89. 89
  90. 90
  91. 91
  92. 92
  93. 93
  94. 94
  95. 95
  96. 96
  97. 97
  98. 98
  99. 99
  100. 100
  101. 101
  102. 102
  103. 103
  104. 104
  105. 105
  106. 106
  107. 107
  108. 108
  109. 109
  110. 110
  111. 111
  112. 112
  113. 113
  114. 114
  115. 115
  116. 116
  117. 117
  118. 118
  119. 119
  120. 120
  121. 121
  122. 122
  123. 123
  124. 124
  125. 125
  126. 126
  127. 127
  128. 128
  129. 129
  130. 130
  131. 131
  132. 132
  133. 133
  134. 134
  135. 135
  136. 136
  137. 137
  138. 138
  139. 139
  140. 140
  141. 141
  142. 142
  143. 143
  144. 144
  145. 145
  146. 146
  147. 147
  148. 148
  149. 149
  150. 150

Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 79 Ibhayibhile (XHO96)

Isicelo sokuhlangulwa kwesizwe

Umhobe ka-Asafu.

1. Iintshaba ziwuhlasele umhlaba wakho, Thixo;ziyixabhele indlu yakho engcwele,iJerusalem itsho yalinxuwa.

2. Imizimba yezicaka zakho kukutya kweentaka,izidumbu zazo zityiwa ziinyamakazi.

3. Igazi lazo laphalala njengamanzi,laba ngumgxobhozo ojikelez' iJerusalem,kungekho bani wokuzifihla.

4. Sesiyintlekisa kubamelwane;bayakrwecana bephoxisa ngathi.

5. Koda kube nini, *Ndikhoyo?Uya kusoloko ucaphukile?Lohlala livutha ikhwele lakho?

6. Wugalele ezintlangeni umsindo wakho,kwabo bangakukhathalelanga wena,kwizikumkani ezingakunquliyo.

7. Kuba bamqwengile uYakobi,babhuqe bavuthulula konke.

8. Ungasixhibi ngenxa yezono zoobawo;nceda velana nathi kuba siphelelwe.

9. Khawuncede usisindise, Thixo wethu,ngenxa yesidima segama lakho.Sihlangule usixolele amatyala ethu ngenxa yegama lakho.

10. Ngani ukuba iintlanga zide zithi:“Uphi lo Thixo wabo?”Liphindezele igazi lezicaka zakho;masikubone uzohlwaya iintlanga.

11. Yive incwina yâbo bathinjiweyo;ngaloo mandla akho basindise abo bagwetyelwe ukufa.

12. Babuyisele kasixhenxe abamelwanengenxa yezenyeliso abakuthuka ngazo, Mhlekazi.

13. Ke thina bantu baziigusha ozalusayosiya kukubulela njalo-njalo;ewe, soze sipheze ukukuncoma!