kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34
  35. 35
  36. 36
  37. 37
  38. 38
  39. 39
  40. 40
  41. 41
  42. 42
  43. 43
  44. 44
  45. 45
  46. 46
  47. 47
  48. 48
  49. 49
  50. 50
  51. 51
  52. 52
  53. 53
  54. 54
  55. 55
  56. 56
  57. 57
  58. 58
  59. 59
  60. 60
  61. 61
  62. 62
  63. 63
  64. 64
  65. 65
  66. 66
  67. 67
  68. 68
  69. 69
  70. 70
  71. 71
  72. 72
  73. 73
  74. 74
  75. 75
  76. 76
  77. 77
  78. 78
  79. 79
  80. 80
  81. 81
  82. 82
  83. 83
  84. 84
  85. 85
  86. 86
  87. 87
  88. 88
  89. 89
  90. 90
  91. 91
  92. 92
  93. 93
  94. 94
  95. 95
  96. 96
  97. 97
  98. 98
  99. 99
  100. 100
  101. 101
  102. 102
  103. 103
  104. 104
  105. 105
  106. 106
  107. 107
  108. 108
  109. 109
  110. 110
  111. 111
  112. 112
  113. 113
  114. 114
  115. 115
  116. 116
  117. 117
  118. 118
  119. 119
  120. 120
  121. 121
  122. 122
  123. 123
  124. 124
  125. 125
  126. 126
  127. 127
  128. 128
  129. 129
  130. 130
  131. 131
  132. 132
  133. 133
  134. 134
  135. 135
  136. 136
  137. 137
  138. 138
  139. 139
  140. 140
  141. 141
  142. 142
  143. 143
  144. 144
  145. 145
  146. 146
  147. 147
  148. 148
  149. 149
  150. 150

Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 90 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

UThixo ongunaphakade uyinqaba yomntu

1. Nkosi yam, ulikhaya wena kuthi,Isizukulwana ngesizukulwana.

2. Kungekazalwa zintaba,Ùngekavelisi mhlaba, nazwe limiweyo,Kususela kwaphakade kude kuse ephakadeni, wena unguThixo.

3. Ùmbuyisela umntu eluthulini,Ùthi, Buyani, nyana babantu.

4. Ngokuba iwaka leminyaka emehlweni akhoLinjengemini yezolo, xa idluleyo,Linjengomlindo wasebusuku.

5. Uyabakhukulisa, balale;Ngengomso babuya bahlume njengotyani.

6. Ngomso butyatyamba, bubuye buhlume;Ngokuhlwa buyasikwa bome.

7. Ngokuba sìyaphela ngumsindo wakho,Sikhwankqiswe bubushushu bakho.

8. Ububeke ubugwenxa bethu phambi kwakho,Nesibufihlileyo ububeka ekukhanyiseleni kobuso bakho.

9. Ngokuba yonke imihla yethu isangene ngokuphuphuma komsindo wakho,Siyiphelisile iminyaka yethu njengentsebezo.

10. Imihla yeminyaka yethu iseminyakeni engamashumi asixhenxe;Ukuba ithe yaba mininzi kakhulu, iba yiminyaka emashumi asibhozo,Libe ke iqhayiya layo likukwaphuka nokungabi nto yanto,Ngokuba ithe phe yakhawuleza, saphaphazela semka.

11. Ngubani na owaziyo amandla omsindo wakho,Nokuphuphuma kwawo, ngoko ufanele ukoyikwa ngako?

12. Sázise kanye ukuyibala imihla yethu,Ukuze sizuze intliziyo elumkileyo.

13. Buya, Yehova, kunini na?Uzohlwáye ngenxa yabakhonzi bakho.

14. Síhluthise kwakusasa ngenceba yakho,Simemelèle, sivuye yonke imihla yethu.

15. Sívuyise ngangemihla owasicinezela ngayo.Ngangeminyaka esabona ububi ngayo.

16. Mayibonakale kubakhonzi bakho imisebenzi yakho,Nobungangamela bakho koonyana babo.

17. Ubumnandi bukaYehova mabube phezu kwethu.Zimasa isenzo sezandla zethu phezu kwethu,Isenzo sezandla zethu usizimase sona.