1. Hayi, uyolo lwabantu bonke abamoyikayo uYehova,Abahamba ngeendlela zakhe!
2. Ukuxelenga kwezandla zakho inene ùya kukudla,Ùya kuba noyolo wena, kulunge kuwe.
3. Umkakho woba njengomdiliya oqhamayoEndlwini yakho ngaphakathi;Oonyana bakho babe njengezithole zomnqumaNgeenxa zonke esithebeni sakho.
4. Yabona, únjalo ukusikelelwa umfoOmoyikayo uYehova.
5. Makakusikelele uYehova eZiyon.Uyibone iYerusalem inenyhwebaYonke imihla yobomi bakho;
6. Ubone abantwana babantwana bakho.Malube luxolo kuSirayeli.