kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34
  35. 35
  36. 36
  37. 37
  38. 38
  39. 39
  40. 40
  41. 41
  42. 42
  43. 43
  44. 44
  45. 45
  46. 46
  47. 47
  48. 48
  49. 49
  50. 50
  51. 51
  52. 52
  53. 53
  54. 54
  55. 55
  56. 56
  57. 57
  58. 58
  59. 59
  60. 60
  61. 61
  62. 62
  63. 63
  64. 64
  65. 65
  66. 66
  67. 67
  68. 68
  69. 69
  70. 70
  71. 71
  72. 72
  73. 73
  74. 74
  75. 75
  76. 76
  77. 77
  78. 78
  79. 79
  80. 80
  81. 81
  82. 82
  83. 83
  84. 84
  85. 85
  86. 86
  87. 87
  88. 88
  89. 89
  90. 90
  91. 91
  92. 92
  93. 93
  94. 94
  95. 95
  96. 96
  97. 97
  98. 98
  99. 99
  100. 100
  101. 101
  102. 102
  103. 103
  104. 104
  105. 105
  106. 106
  107. 107
  108. 108
  109. 109
  110. 110
  111. 111
  112. 112
  113. 113
  114. 114
  115. 115
  116. 116
  117. 117
  118. 118
  119. 119
  120. 120
  121. 121
  122. 122
  123. 123
  124. 124
  125. 125
  126. 126
  127. 127
  128. 128
  129. 129
  130. 130
  131. 131
  132. 132
  133. 133
  134. 134
  135. 135
  136. 136
  137. 137
  138. 138
  139. 139
  140. 140
  141. 141
  142. 142
  143. 143
  144. 144
  145. 145
  146. 146
  147. 147
  148. 148
  149. 149
  150. 150

Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

Umthandazo wokucela ukugwetywa kwabangendawo

1. Yehova, Thixo wam, ndizímela ngawe;Ndísindise kubo bonke abandisukelayo, undihlangule,

2. Hleze bawuqwenge njengengonyama umphefumlo wam,Bawudlavule, kungekho mhlanguli.

3. Yehova, Thixo wam, ukuba ndithe ndenza oku,Ukuba kukho ubugqwetha ezandleni zam,

4. Ukuba ndimphethe kakubi obexolelene nam,Ndambhunyula ondibandezele kungekho sizathu:

5. Maluwusukele utshaba umphefumlo wam, luwufumane,Lubunyashele phantsi ubomi bam,Uzuko lwam lululalise eluthulini. (Phakamisani.)

6. Khawusuk' ume, Yehova, únomsindo,Kuphakamele ukuphuphuma komsindo wabandibandezelayo;Uvuke, undikhawulele; wena umisé umgwebo.

7. Ibandla lezizwe malikungqonge;Ubuyèle phezulu phezu kwalo.

8. UYehova uya kugweba phakathi kwezizwe.Lithethe ityala lam, Yehova, ngobulungisa bam, nangokugqibelela kwam okukum.

9. Mabuphele ububi babangendawo, ulizimase ilungisa;Ùngumcikidi weentliziyo nezintso, Thixo wobulungisa.

10. Ingweletshetshe yam inoThixo,Umsindisi wabantliziyo zithe tye.

11. UThixo ngumgwebi olilungisa;ÚnguThixo obhavuma yonke imihla.

12. Ukuba ongendawo uthe akabuya, ulilolile ikrele lakhe;Úsityedile isaphetha sakhe, wasilungisa.

13. Uzibhekisé kuye izixhobo zokufa,Uzenzé zanomlilo iintolo zakhe.

14. Yabona, yena unenimba yobutshinga;Ukhawulé ububi, wazala ubuxoki;

15. Umbé umhadi, wawugomba;Weyela esihogweni awasisebenzayo.

16. Ububi bakhe bobuyela entlokweni yakhe,Naselukakayini lwakhe kufike ukugonyamela kwakhe.

17. Ndiya kubulela kuYehova ngokobulungisa bakhe,Ndivume ngendumiso kwigama likaYehova ophezu konke.