kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34
  35. 35
  36. 36
  37. 37
  38. 38
  39. 39
  40. 40
  41. 41
  42. 42
  43. 43
  44. 44
  45. 45
  46. 46
  47. 47
  48. 48
  49. 49
  50. 50
  51. 51
  52. 52
  53. 53
  54. 54
  55. 55
  56. 56
  57. 57
  58. 58
  59. 59
  60. 60
  61. 61
  62. 62
  63. 63
  64. 64
  65. 65
  66. 66
  67. 67
  68. 68
  69. 69
  70. 70
  71. 71
  72. 72
  73. 73
  74. 74
  75. 75
  76. 76
  77. 77
  78. 78
  79. 79
  80. 80
  81. 81
  82. 82
  83. 83
  84. 84
  85. 85
  86. 86
  87. 87
  88. 88
  89. 89
  90. 90
  91. 91
  92. 92
  93. 93
  94. 94
  95. 95
  96. 96
  97. 97
  98. 98
  99. 99
  100. 100
  101. 101
  102. 102
  103. 103
  104. 104
  105. 105
  106. 106
  107. 107
  108. 108
  109. 109
  110. 110
  111. 111
  112. 112
  113. 113
  114. 114
  115. 115
  116. 116
  117. 117
  118. 118
  119. 119
  120. 120
  121. 121
  122. 122
  123. 123
  124. 124
  125. 125
  126. 126
  127. 127
  128. 128
  129. 129
  130. 130
  131. 131
  132. 132
  133. 133
  134. 134
  135. 135
  136. 136
  137. 137
  138. 138
  139. 139
  140. 140
  141. 141
  142. 142
  143. 143
  144. 144
  145. 145
  146. 146
  147. 147
  148. 148
  149. 149
  150. 150

Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

Umbongo ngenxa yokusindiswa ekufeni

1. Ndiya kukuphakamisa, Yehova, kuba undirholile wandinyusa,Akwazivuyisa iintshaba zam ngam.

2. Yehova, Thixo wam,Ndazibika kuwe, wandiphilisa;

3. Yehova, uwunyusile kwelabafileyo umphefumlo wam,Wandidlisa ubomi, ukuba ndingehli ndiye emhadini.

4. Mbetheleni uhadi uYehova, nina bakhe benceba,Nibulele isikhumbuzo sakhe esingcwele.

5. Ngokuba yinto yephanyazo umsindo wakhe,Itarhu lakhe liyinto yobomi;Ngokuhlwa kulalisa ukulila,Kusasa kubakho ukumemelela.

6. Ke mna ndathi ebunqobeni bam,Andiyi kushukunyiswa naphakade.

7. Yehova, enkolosekweni yakho ùbuyiqinisile intaba yam;Ubusithelisile ubuso bakho, ndakhwankqiswa.

8. Ndadanduluka kuwe, Yehova,Ndakhunga kuYehova:

9. Ndathi, Kukho nzuzo yani na egazini lam, ekuhlèni kwam ndiye esihogweni?Lokudumisa na uthuli? loyixela na inyaniso yakho?

10. Yiva, Yehova, undibabale;Yehova, yiba ngumncedi wam.

11. Wakugúqula ukulila kwam, kwaba kukuqamba;Wandikhulula ezirhwexayo, wandibhinqisa uvuyo,

12. Ukuze uzuko lwam luvume ngawe, lungàthi cwaka.Yehova, Thixo wam, ndiya kubulela kuwe ngonaphakade.