kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34
  35. 35
  36. 36
  37. 37
  38. 38
  39. 39
  40. 40
  41. 41
  42. 42
  43. 43
  44. 44
  45. 45
  46. 46
  47. 47
  48. 48
  49. 49
  50. 50
  51. 51
  52. 52
  53. 53
  54. 54
  55. 55
  56. 56
  57. 57
  58. 58
  59. 59
  60. 60
  61. 61
  62. 62
  63. 63
  64. 64
  65. 65
  66. 66
  67. 67
  68. 68
  69. 69
  70. 70
  71. 71
  72. 72
  73. 73
  74. 74
  75. 75
  76. 76
  77. 77
  78. 78
  79. 79
  80. 80
  81. 81
  82. 82
  83. 83
  84. 84
  85. 85
  86. 86
  87. 87
  88. 88
  89. 89
  90. 90
  91. 91
  92. 92
  93. 93
  94. 94
  95. 95
  96. 96
  97. 97
  98. 98
  99. 99
  100. 100
  101. 101
  102. 102
  103. 103
  104. 104
  105. 105
  106. 106
  107. 107
  108. 108
  109. 109
  110. 110
  111. 111
  112. 112
  113. 113
  114. 114
  115. 115
  116. 116
  117. 117
  118. 118
  119. 119
  120. 120
  121. 121
  122. 122
  123. 123
  124. 124
  125. 125
  126. 126
  127. 127
  128. 128
  129. 129
  130. 130
  131. 131
  132. 132
  133. 133
  134. 134
  135. 135
  136. 136
  137. 137
  138. 138
  139. 139
  140. 140
  141. 141
  142. 142
  143. 143
  144. 144
  145. 145
  146. 146
  147. 147
  148. 148
  149. 149
  150. 150

Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

UYehova ubongwa ngenxa yentlangulo

1. Ndikuthanda ngembilini yam, Yehova, lomelelo lwam.

2. Yehova, ngxondorha yam, mboniselo yam, msindisi wam,Thixo wam, liwa lam endizímela ngalo,Ngweletshetshe yam, luphondo losindiso lwam, ngxonde yam!

3. Ndinqula uYehova ongowokudunyiswa,Ndiyasindiswa ezintshabeni zam.

4. Izintya zokufa zandijikela;Imilambo yobutshijolo yandidandathekisa.

5. Izintya zelabafileyo zandibhijela;Izirhintyelo zokufa zabetha kum.

6. Ekubandezelekeni kwam ndanqula uYehova,Ndazibika kuThixo wam;Waliva etempileni yakhe izwi lam,Ukuzibika kwam kwafika phambi kwakhe ezindlebeni zakhe.

7. Lahexa ke lanyikima ihlabathi,Iziseko zeentaba zagungqa,Zahexa, ngokuba enomsindo.

8. Kwathi thaphu umsi emathatheni akhe,Wadla umlilo, uphuma emlonyeni wakhe,Kwavutha amalahle ephuma kuwo.

9. Wawathoba amazulu, wehla,Yangamafu amnyama phantsi kweenyawo zakhe.

10. Wakhwela ekerubhini,* waphaphazela,Wee tshwebelele ngamaphiko omoya.

11. Wamisa ubumnyama baba lisithe lakhe, umnquba wakhe ngeenxa zonke kuye;Ubumnyama bamanzi, iingqimba zamafu.

12. Ekukhanyeni okuphambi kwakhe, kwatyhoboza emafini akheIsiphango samatye, namalahle omlilo.

13. Wadudumisa ezulwini uYehova,Ophezu konke walikhupha ilizwi lakhe.Yasisiphango samatye namalahle omlilo.

14. Wathuma iintolo zakhe, wabaphangalalisa;Yamininzi imibane, wabadubaduba.

15. Imiphantsi yamanzi yabonakala,Kwatyhileka iziseko zelimiweyoNgokukhalima kwakho, Yehova,Ngokufutha komoya womsindo wakho.

16. Wolula isandla ephezulu, wandibamba,Wandirhola emanzini amaninzi.

17. Wandihlangula elutshabeni lwam olunamandla,Kwabandithiyileyo, ngokuba bebomelele kunam.

18. Bandifikela ngemini yokusindeka kwam,UYehova wandixhasa.

19. Wandikhuphela endaweni ebanzi,Wandihlangula, ngokuba endithandile.

20. UYehova wandiphatha kakuhle ngokobulungisa bam,Wandibuyisela ngokobunyulu bezandla zam.

21. Ngokuba ndizigcina iindlela zikaYehova,Andemka ngokungendawo kuThixo wam.

22. Ngokuba onke amasiko akhe aphambi kwam,Nemimiselo yakhe andiyisusi kum;

23. Ndaye ndingogqibeleleyo kuye,Ndazigcina, andaba nabugwenxa,

24. Wandibuyisela ke uYehova ngokobulungisa bam,Ngokobunyulu bezandla zam phambi kwamehlo akhe.

25. Kowenceba ùzenza owenceba,Kwigorha eligqibeleleyo uzenza ogqibeleleyo;

26. Kozenze nyulu uzenza onyulu,Kojibilizayo uzenza onobuqhokolo.

27. Ngokuba wena uyabasindisa abantu ababandezelekileyo,Uwathobe amehlo aqwayingileyo.

28. Ngokuba ùyasilumeka isibane sam wena;UYehova uThixo wam uyabukhanyisela ubumnyama bam.

29. Ngokuba ngawe ndigila amajarha,NgoThixo wam ndiqabela ezindongeni.

30. UThixo yena, igqibelele indlela yakhe;Ilizwi likaYehova linyibilikisiwe,Úyingweletshetshe kubo bonke abazimela ngaye.

31. Ngokuba ngubani na onguThixo, ingenguye uYehova?Ngubani na oliliwa, ingenguThixo wethu?

32. UloThixo undibhinqise ubukroti,Uyigqibelelisileyo indlela yam;

33. Uzifanisayo iinyawo zam nezamaxhamakazi,Undimisayo emimangweni yam;

34. Uzifundisayo ukulwa izandla zam,Zityede isaphetha sobhedu iingalo zam.

35. Undinikileyo ingweletshetshe yosindiso lwakho;Sandixhasa isandla sakho sokunene;Ululamo lwakho lwandikhulisa.

36. Wawenzela indawo ebanzi amanyathela am phantsi kwam,Amaxhwele am akahexa.

37. Ndazisukela iintshaba zam, ndazifumana;Andabuya zada zaphela.

38. Ndaziqoba; azaba nakuvuka,Zawa phantsi kweenyawo zam.

39. Wandibhinqisa ubukroti ekulweni,Wabaguqisa phantsi kwam abasukela phezulu kum;

40. Wandinika ikhosi leentshaba zam,Abandithiyayo ndababhangisa.

41. Bazibika, akwabakho msindisi; Bazibika kuYehova, akabaphendula.

42. Ndabacola, banjengothuli phambi komoya,Ndabaphalaza njengodaka lwezitrato.

43. Wandisiza ekubambaneni kwabantu,Wandimisa ndayintloko yeentlanga;Abantu ebe ndingabazi bandikhonza.

44. Besave ngeendlebe, bandithobela,Oonyana bolunye uhlanga bahanahanisa kum;

45. Oonyana bolunye uhlanga bantshwenya,Baphuma bengcangcazela ekuvingcelweni kwabo.

46. UYehova uhleli; lelokubongwa iliwa lam,Aphakanyìswe uThixo ondisindisayo.

47. UloThixo wandinika impindezelo,Uzikhandaniselayo izizwe phantsi kwam;

48. Úndisiza ezintshabeni zam;Ewe, wena undiphakamisayo kwabasukela phezulu kum,Undihlàngule kumfo ogonyamelayo.

49. Ngenxa yoko ndiya kubulela kuwe, Yehova, phakathi kweentlanga,Ndivume kwigama lakho.

50. Ulokhulisa iintsindiso zokumkani wakhe;Wenzayo inceba kumthanjiswa wakhe,KuDavide, nakwimbewu yakhe kude kuse ephakadeni.