kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34
  35. 35
  36. 36
  37. 37
  38. 38
  39. 39
  40. 40
  41. 41
  42. 42
  43. 43
  44. 44
  45. 45
  46. 46
  47. 47
  48. 48
  49. 49
  50. 50
  51. 51
  52. 52
  53. 53
  54. 54
  55. 55
  56. 56
  57. 57
  58. 58
  59. 59
  60. 60
  61. 61
  62. 62
  63. 63
  64. 64
  65. 65
  66. 66
  67. 67
  68. 68
  69. 69
  70. 70
  71. 71
  72. 72
  73. 73
  74. 74
  75. 75
  76. 76
  77. 77
  78. 78
  79. 79
  80. 80
  81. 81
  82. 82
  83. 83
  84. 84
  85. 85
  86. 86
  87. 87
  88. 88
  89. 89
  90. 90
  91. 91
  92. 92
  93. 93
  94. 94
  95. 95
  96. 96
  97. 97
  98. 98
  99. 99
  100. 100
  101. 101
  102. 102
  103. 103
  104. 104
  105. 105
  106. 106
  107. 107
  108. 108
  109. 109
  110. 110
  111. 111
  112. 112
  113. 113
  114. 114
  115. 115
  116. 116
  117. 117
  118. 118
  119. 119
  120. 120
  121. 121
  122. 122
  123. 123
  124. 124
  125. 125
  126. 126
  127. 127
  128. 128
  129. 129
  130. 130
  131. 131
  132. 132
  133. 133
  134. 134
  135. 135
  136. 136
  137. 137
  138. 138
  139. 139
  140. 140
  141. 141
  142. 142
  143. 143
  144. 144
  145. 145
  146. 146
  147. 147
  148. 148
  149. 149
  150. 150

Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

Uzuko lukaThixo njengokuba lubonakala kwindalo nasemthethweni

1. Izulu libalisa uzuko lukaThixo,Saye isibhakabhaka sixela umsebenzi wezandla zakhe.

2. Imini impompozelela imini intetho,Ubusuku buxelela ubusuku ukwazi.

3. Akukho ntetho, akukho mazwi,Apho singavakaliyo isandi sawo.

4. Intambo yawo yokulinganisa iphume yaya ehlabathini lonke,Kwaba seziphelweni zelimiweyo ukukhuluma kwawo.Ilanga úlimisele intente kuwo,

5. Lona linjengomyeni ke ephuma egumbini lakhe;Linemihlali njengegorha, ukugidima ngomendo walo.

6. Kusesiphelweni sezulu ukuphuma kwalo,Ukujikeleza kwalo kusa eziphelweni zalo;Akukho nto inokusithela ebushushwini balo.

7. Umyalelo kaYehova ugqibelele, ubuyisa umphefumlo;Isingqino sikaYehova sinyanisekile, sinika isiyatha ubulumko.

8. Izimiselo zikaYehova zithe tye, zivuyisa intliziyo;Umthetho kaYehova unyulu, ukhanyisela amehlo.

9. Ukoyika uYehova kucocekile, kumi ngonaphakade;Izigwebo zikaYehova ziyinyaniso, zibubulungisa kwaphela.

10. Zinokunqweneleka kunegolide zona, nakunengcwengiweyo eninzi;Zimnandi kunobusi, kunencindi yobusi.

11. Zikwamkhanyisela umkhonzi wakho;Ekuzigcineni mkhulu umvuzo.

12. Ukulahleka, ngubani na okuqondayo?Ndénze msulwa kokusitheleyo.

13. Kwanasekukhukhumaleni mnqande umkhonzi wakho;Makungandilawuli; ukuze ndandule ukuba ngogqibeleleyo,Ndibe msulwa ekukreqeni okukhulu.

14. Makakholeke amazwi omlomo wam, nezicamango zentliziyo yam,Phambi kwakho, Yehova, liwa lam, mkhululi wam.