kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34
  35. 35
  36. 36
  37. 37
  38. 38
  39. 39
  40. 40
  41. 41
  42. 42
  43. 43
  44. 44
  45. 45
  46. 46
  47. 47
  48. 48
  49. 49
  50. 50
  51. 51
  52. 52
  53. 53
  54. 54
  55. 55
  56. 56
  57. 57
  58. 58
  59. 59
  60. 60
  61. 61
  62. 62
  63. 63
  64. 64
  65. 65
  66. 66
  67. 67
  68. 68
  69. 69
  70. 70
  71. 71
  72. 72
  73. 73
  74. 74
  75. 75
  76. 76
  77. 77
  78. 78
  79. 79
  80. 80
  81. 81
  82. 82
  83. 83
  84. 84
  85. 85
  86. 86
  87. 87
  88. 88
  89. 89
  90. 90
  91. 91
  92. 92
  93. 93
  94. 94
  95. 95
  96. 96
  97. 97
  98. 98
  99. 99
  100. 100
  101. 101
  102. 102
  103. 103
  104. 104
  105. 105
  106. 106
  107. 107
  108. 108
  109. 109
  110. 110
  111. 111
  112. 112
  113. 113
  114. 114
  115. 115
  116. 116
  117. 117
  118. 118
  119. 119
  120. 120
  121. 121
  122. 122
  123. 123
  124. 124
  125. 125
  126. 126
  127. 127
  128. 128
  129. 129
  130. 130
  131. 131
  132. 132
  133. 133
  134. 134
  135. 135
  136. 136
  137. 137
  138. 138
  139. 139
  140. 140
  141. 141
  142. 142
  143. 143
  144. 144
  145. 145
  146. 146
  147. 147
  148. 148
  149. 149
  150. 150

Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 94 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

Umthandazo wokucela ukuphindezelelwa nokuhlangulwa

1. Thixo wempindezelo, Yehova,Thixo wempindezelo, bengezela!

2. Phakama, Mgwebi wehlabathi!Bábuyisele impatho yabo abanekratshi.

3. Kunini na abangendawo, Yehova,Kunini na abangendawo bevuyelela?

4. Balephuza amagwebu, bathetha ngokusa,Bayandolosa bonke abasebenzi bobutshinga.

5. Batyumza abantu bakho, Yehova,Bacinezela ilifa lakho.

6. Babulala umhlolokazi nowasemzini,Bancinitha inkedama.

7. Bathi ke, Akaboni uYehova,Akagqali uThixo kaYakobi.

8. Qondani, nina bazizityhakala ebantwini;Nina zinyabi, niya kuqiqa nini na?

9. Omilisele indlebe, akayi kuva na?Obumbe iliso, akayi kukhangela na?

10. Umthethisi weentlanga akayi kohlwaya na,Ulofundisa abantu ukwazi?

11. UYehova ngumazi weengcinga zabantu,Ukuba zingumphunga.

12. Hayi, uyolo lwendoda oyithethisayo, Yehova,Oyifundisayo ngomyalelo wakho;

13. Ukuba uyizolise eziminini zobubi,Ade ambelwe isihogo ongendawo.

14. Ngokuba uYehova akabalahli abantu bakhe,Akalishiyi ilifa lakhe.

15. Ngokuba isiko liya kubuyela ebulungiseni,Balilandele bonke abantliziyo zithe tye.

16. Ngubani na oya kusukela phezulu kubo abanobubi, ngenxa yam?Ngubani na oya kumelana nabasebenzi bobutshinga, ngenxa yam?

17. Koko uYehova abe luncedo lwam,Umphefumlo wam unge uhle msinya, waya apho kuthiwa cwaka khona.

18. Ukuba ndithi, Lwatyibilika unyawo lwam,Isuka inceba yakho, Yehova, indixhase.

19. Ebuninzini beengcinga-ngcinga zam ngaphakathi kwam,Iintuthuzelo zakho ziyawuyolisa umphefumlo wam.

20. Ingáqhelana nawe na itrone yolweyeliselo,Ebumba ububi ngommiselo?

21. Bahlanganyela umphefumlo welungisa,Baligwebe igazi elimsulwa.

22. Kanti ke uYehova uyingxonde kum,UThixo wam liliwa endizímela ngalo.

23. Úbubuyisela phezu kwabo ubutshinga babo,Ubabhangisa ngobubi babo;Uya kubabhangisa uYehova, uThixo wethu.