kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34
  35. 35
  36. 36
  37. 37
  38. 38
  39. 39
  40. 40
  41. 41
  42. 42
  43. 43
  44. 44
  45. 45
  46. 46
  47. 47
  48. 48
  49. 49
  50. 50
  51. 51
  52. 52
  53. 53
  54. 54
  55. 55
  56. 56
  57. 57
  58. 58
  59. 59
  60. 60
  61. 61
  62. 62
  63. 63
  64. 64
  65. 65
  66. 66
  67. 67
  68. 68
  69. 69
  70. 70
  71. 71
  72. 72
  73. 73
  74. 74
  75. 75
  76. 76
  77. 77
  78. 78
  79. 79
  80. 80
  81. 81
  82. 82
  83. 83
  84. 84
  85. 85
  86. 86
  87. 87
  88. 88
  89. 89
  90. 90
  91. 91
  92. 92
  93. 93
  94. 94
  95. 95
  96. 96
  97. 97
  98. 98
  99. 99
  100. 100
  101. 101
  102. 102
  103. 103
  104. 104
  105. 105
  106. 106
  107. 107
  108. 108
  109. 109
  110. 110
  111. 111
  112. 112
  113. 113
  114. 114
  115. 115
  116. 116
  117. 117
  118. 118
  119. 119
  120. 120
  121. 121
  122. 122
  123. 123
  124. 124
  125. 125
  126. 126
  127. 127
  128. 128
  129. 129
  130. 130
  131. 131
  132. 132
  133. 133
  134. 134
  135. 135
  136. 136
  137. 137
  138. 138
  139. 139
  140. 140
  141. 141
  142. 142
  143. 143
  144. 144
  145. 145
  146. 146
  147. 147
  148. 148
  149. 149
  150. 150

Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 88 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

Umthandazo womguli onesithukuthezi

1. Yehova, Thixo ongumsindisi wam,Mhlenikweni ndikhalayo ebusuku phambi kwakho,

2. Mawuze phambi kwakho umthandazo wam;Thoba indlebe yakho ekuhlahlambeni kwam.

3. Ngokuba umphefumlo wam uhluthi zizinto ezimbi,Ubomi bam bufike kwelabafileyo.

4. Ndibalelwe kwabahla baye emhadini,Ndisuke ndanjengomfo ongenamandla.

5. Ndingumkhululwa phakathi kwabafileyo,Njengababuleweyo, belele engcwabeni,Ongasabakhumbuliyo;Bona banqunyulweyo esandleni sakho.

6. Ùndibeké emhadini ongaphantsi,Ezindaweni ezimnyama, ezinzulwini.

7. Ubushushu bakho bundishicilele,Ùndithobele onke amaza akho alwayo. (Phakamisani.)

8. Ùbashenxisele kude kum abo ndazana nabo,Ùndenzé isikizi kubo;Ndìvalelwe, andinakuphuma.

9. Iliso lam liyaphela yingcinezelo.Ndidanduluka kuwe, Yehova, yonke imini,Ndizolulela kuwe izandla zam.

10. Ùya kuyenzela abafileyo na imisebenzi ebalulekileyo?Kuya kuvuka abangasekhoyo, kusini na, babulele kuwe? (Phakamisani.)

11. Ibaliswa engcwabeni na inceba yakho?Enzonzobileni na, ukunyanisa kwakho?

12. Yàziswa emnyameni na imisebenzi yakho ebalulekileyo? Bàziswa ezweni lokulibala na ubulungisa bakho?

13. Ke mna, Yehova, ndizibika kuwe,Kwakusasa umthandazo wam wókuhlangabeza.

14. Ùwuhlambelani na, Yehova, umphefumlo wam?Ùbusitheliselani na ubuso bakho kum?

15. Ndilusizana, ndiyinto efayo kwasebuncinaneni bam,Ndithwele izothuso zakho, lindikhohlile.

16. Kugqithé phezu kwam ukuvutha kwakho,Izidandathekiso zakho zindibhangisile;

17. Zindijikelezile njengamanzi imini yonke,Zindizungulezile kwaphela.

18. Ùmsusile kum ondithandayo nonguwethu;Abo ndazana nabo babubumnyama.