1. Ngamana uThixo wasibabala, wasisikelela,Wabukhanyisa ubuso bakhe kuthi; (Phakamisani.)
2. Ukuze yaziwe ehlabathini indlela yakho,Usindiso lwakho ezintlangeni zonke.
3. Ngamana zabulela izizwe kuwe, Thixo,Zabulela izizwe kuwe zonke ziphela;
4. Zavuya zamemelela izizwe:Ngokuba ùya kugweba phakathi kwezizwe ngokuthe tye,Uzikhaphe izizwe ehlabathini. (Phakamisani.)
5. Ngamana zabulela izizwe kuwe, Thixo,Zabulela izizwe kuwe zonke ziphela.
6. Umhlaba uyivelisile indyebo yawo;Úya kusisikelela uThixo, uThixo wethu;
7. Úya kusisikelela uThixo,Zimoyike zonke iziphelo zehlabathi.